Alikho elivumileyo ukoyiswa phakathi kweGallants nePirates!

UThabo Mnyamane weMarumo Gallants exhagwe ngabadlali be-Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership namhlanje ePeter Mokaba Stadium. Umfanekiso: Philip Maeta/BackpagePix

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMandla Ncikazi, uvakalise ukuphoxeka kwakhe emva kokuba iqela lakhe lingakwazanga ukufumana amanqaku amathathu emdlalweni wanamhlanje. IPirates ibuye nenqaku elinye emdlalweni weDStv Premiership edlale ntanganye kuwo ngeqanda (0-0) neMarumo Gallants, ePeter Mokaba Stadium. Ezimnyama ziye ePolokwane zifuna ukwenza umsebenzi ongcono emva kokuba zibambene ngo’2-2 neStellenbosch emdlalweni wokuvula isizini entsha ngempelaveki. Yonwabile kekambe iMarumo Gallants ngoba ibitywatyushwe ngamagowuli amabini yiBaroka FC emdlalweni ogqithileyo.

Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu, iPirates ikwazile ukudala amathuba engawasebenzisanga. UWashington Arubi uchithe ibhola eyingozi ngomzuzu wokuqala emva komdlalo omhle obudlalwe nguGabadinho Mhango noDeon Hotto. Emva komzuzu, uMhango ubuyile kwakhona ngeebhola eyingozi ayinikelwe nguGoodman Mosele – kodwa ufike uArubi ethe qwa ezipalini. Ngaphandle kwezo bhola, akukho nto ingako enokubaliswa ngesiqingatha sokuqala. Nakwelakhe icala uRichard Ofori, kuye kwanyanzeleka asebenze noxa kungekho nto ede yenzeka.

Abadlali abafana noVincent Pule noNkanyiso Zungu bazamile ukufunqula umdlalo wePirates kwisigaba sesibini – kodwa iGallants ibivale mba emva. Uphantse wachitheka umphothulo ngethuba ibhola kaCelimpilo Ngema ibetha epalini kanozinti wePirates. Nangona amaqela ezamile ukufumana amagowuli – kodwa ude waphela umdlalo kungekho elibhalisileyo ebhodini. Ngoku iPirates inamanqaku amabini emva kwemidlalo emibini eyidlalileyo kwisizini entsha yeDStv Premiership ka-2021/22. Kanti yona iMarumo Gallants inenqaku elinye elifumene emdlalweni wanamhlanje.

Marumo Gallants: Arubi, Hlatshwayo, Ravhuhali, Nkili, Nonyane, Ngema, Ndlondlo, Dion, Mnyamane, Manaka, Mvelase.

Amalalela: Ndlovu, Otladisa, Matlakala, Khiba, Seanego, Nkosi, Malongoane, Mabotja, Monde.

Orlando Pirates: Ofori, Jele, Hlatshwayo, Shandu, Mabaso, Mosele, Zungu, Hotto, Pule, Dlamini, Mhango.

Amalalela: Mpontshane, Mthethwa, Dzvukamanja, Cwinyane, Tlolane, Sam, Makgaka, Ndlovu, Mabasa.