Alikho ixesha lokufeketha, iChippa mayiye edabini!

UPaseka Mako we-Orlando Pirates noRiaan Hanamub weChippa United baza kudibana kwakhona emdlalweni weDStv Premiership oza kube useNelson Mandela Bay Stadium emalanga ngoMgqibelo. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Iqela laseMpuma Koloni elidlala kwiDStv Premiership, iChippa United, libuye umsila uphakathi kwamathanga KwaZulu-Natal ngempelaveki egqithileyo emva kokuphulukana nomdlalo walo okokuqala kule sizini. Amakhwenkwe kaGavin Hunt abethwe ngo’1-0 yiRoyal AM emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eChatsworth Stadium. Ibikokokuqala ibethwa iChippa United emidlalweni emithathu eyidlalileyo futhi ibikokokuqala kufakwa igowuli kuyo emva kokubetha iSekhukhune United ngo’1-0 nokubambana neMamelodi Sundowns ngeqanda emidlalweni yokuqala. Noxa iChippa United ibuye isophisa emdlalweni wakutshanje – kodwa eli ayisililo ixesha lokufeketha, kufuneka izibambe ziqine iye edabini. Emidlalweni emithathu eyidlalileyo, abadlali babonisile ukuba bangakwazi ukuzinyamezela izithonga.

Nangona uHunt enengxaki yokungabikho kwabadlali abathile ngenxa yokonzakala, abakhoyo kufanele balwele iqela ngoba akukho mdlalo ongenzimanga kwiDStv Premiership. Ukulibala ngokubethwa yiRoyal AM, bajongane nomdlalo ngamnye kwelandelayo – yeyona nto ebalulekileyo ngoku. Kufuneka iliqule iligangathe iChippa xa idibana ne-Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership oza kutak’iintlantsi ngo-15:00 eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, ngoMgqibelo. Nangona iChippa iza kudibana neBucs ehlaziyekileyo emva kokubetha iSwallows FC ngegowuli likaMabasa – kodwa kubalulekile kuyo ukuqokelela amanqaku kusakhanya ukuze iphephe izembe ekupheleni kwesizini.

Emva kokufumana inqaku kwiSundowns ekhaya, iChippa kufanele ilwelwe ukuphumelela kolandelayo. Isoloko iphumelela iPirates xa idlala nayo – kodwa ingabetheka ngoba umdlalo wayo awukadibani kakuhle ukusukela oko kuqale isizini eqhubekayo. Emva kokubetha iSwallows, umqeqeshi wePirates, uFadlu Davids, uwamkele amanqaku amathathu watsho esithi azisa uzinzo kwiqela lakhe ebeliqala ukuphumelela kule sizini. “Besiwadinga amanqaku esiwafumeneyo nendlela esidlale ngayo. Xa kumkela umqeqeshi, into yokuqala efunekayo kukuqinisa iziseko zeqela,” utshilo uDavids oqeqesha ebambisene noMandla Ncikazi emva kokuhamba kukaJosef Zinnbauer kwinyanga ephelileyo.

Imidlalo yeDStv Prem:

Mgqibelo: Cape Town City vs Stellenbosch @Athlone Stadium, 17:00; Baroka vs Sekhukhune @Peter Mokaba Stadium, 17:00; Kaizer Chiefs vs Royal AM @FNB Stadium, 17:00

Cawe: Swallows vs SuperSport United @Dobsonville Stadium, 15:00; Mamelodi Sundowns vs TS galaxy @Loftus Stadium, 15:00