Alwe kwamdak’ iisali Amakhosi adlulela phambili kwiCAF Champs League

UHappy Mashiane emdlalweni weCAF Champions League obuphakathi kweHoroya Athletic Club neKaizer Chiefs namhlanje ebusuku. Umfanekiso: Chiefs

Nangona bekungekho themba ngenxa yendlela adlala ngayo Amakhosi kule sizini – kodwa abalandeli bawo bancume olukabhulankethe kobu busuku emva kokuba embonzeleke eGuinea abuya nenqaku ebelifuneka. IKaizer Chiefs yenze omnye umtsi kwiCAF Champions League emva kokudlala ntanganye neHoroya Athletic Club ngo’2-2 emdlalweni obunzima eGeneral Lansana Conté Stadium.

Iqela laseMzantsi Afrika liye eGuinea lidinga inqaku elinye ukuze lidlulele kumjikelo olandelayo weChampion League emva kokuba libethe iWydad Casablanca ngo’1-0 kutshanje. Umlenze wokuqala, uWydad yawuphumelela ngemvula yamagowuli amane.

Ukungabikho kwabadlali abafana noDaniel Akpeyi noSamir Nurkovic kuvulele iindawo abadlali abafana no-Itumeleng Khune noKhama Billiat – obekhe wahlala ixesha elide engadlali ngenxa yokonzakala. Inkqonkqoze kuqala iChiefs ezipalini zeHoroya ngebhola ebizanywe nguNkosingiphile Ngcobo.

Kodwa kuyiwe kwixesha lokuphumla iHoroya ihamba phambili ngegowuli elifakwe nguYakhouba Gnagna Barry odibene nebhola igotywe nguSebe Baffour. Idlale kakuhle iHoroya emva koko yaphumela nakwesesibini isiqingatha isukela.

Amakhosi afumene ithamsanqa ngethuba umdlali weHoroya ekhupha ibhola ngesandla. Ikhonjwe echaphazeni, uDaniel Cardoso wayibeka emnatheni atsho alingana ngo’1-1. Khange kuphele nemizuzu emithathu, uMoussa Camara ubhakuzelise umnatha yatsho yahamba phambili kwakhona iHoroya.

Khange inikezele iChiefs nangona ibiphantsi koxinezelelo. UBilliat ufake igowuli lesibini yangu’2-2 emva kokudlalelwa ibhola nguDumisani Zuma ongene kwisigaba sesibini somdlalo. Amakhosi adlulela phambili njengeMamelodi Sundowns nakubeni ibethwe ngo’2-0 yiChabab Belouizdad izolo ePitoli.