Umdlali weqela lesizwe lombhoxo eMzantsi Afrika, uLukhanyo Am, uthi uRassie Erasmus uzimisele ukuyiphumelela iNdebe yeHlabathi eza kube iseJapan kunyaka ozayo.
ULukhanyo waseQonce, ngomnye wabadlali ababenenyhweba yokufumana ithuba lokuveza izakhono zabo phantsi kukaErasmus.
Le ndedeba ithi umqeqeshi usoloko ebakhuthaza ukuze balungise iimpazamo zabo ngoba ufuna ukuphumelela iNdebe yeHlabathi. “Usixelele rhoqo umqeqeshi ukuba masilungise iimpazamo ngoba ujonge ukuyiphumelela iNdebe yeHlabathi kunyaka ozayo,” utshilo uAm.
Iingcali zombhoxo ziligxeke kakhulu iqela likaErasmus emva kokuhlazwa yiArgentina eMendoza kumdlalo weRugby Championship.
Uninzi lwazo luthi abakafiki kwinqanaba lokumelana neentshatsheli ezikhuselayo – iNew Zealand, ekulindeleke bangquzulane nazo eWellington, ngoMgqibelo.
ULukhanyo uthi nangona kungakuhlanga kwaphela kwikampu yeziTsibabhokhwe kwicala leziphumo – kodwa bayakholelwa ukuba banaso isakhono namendu ukubuya nayo indebe yehlabathi.
“Okwangoku izinto azikahambi ngendlela esifuna ngayo, kodwa sinawo amendu nesakhono sokwenza ezibukwayo kumdlalo wendebe yomhlaba,” utshilo uAm.
Ephefumla ngogxa wakhe adlale naye umbhoxo kwiBorder Bulldogs, uLuthando Am uthethe wenjenje: “UMakazole Mapimpi uqhuba kakuhle kakhulu umhlobo wam. Sikhuthazana kakhulu ngoba sikunye nakwiSharks.”
ULukhanyo (25) uthi yayiliphupha lakhe eselula ukudlala umbhoxo kwinqanaba eliphezulu.
“Ndiwuqale eDe Vos Malan ndiselula umbhoxo; ibiliphupha lam ukudlalela iBoks,” utshilo uLukhanyo.
Amakhwenkwe kaErasmus akwindawo yesibini kumanqwanqwa ehlabathi kwiRugby Championship. Aqokelele amanqaku amathandathu kuphela.
Kwimidlalo emithathu baphumelele wamnye aze abethwa kwemibini.
ULukhanyo udlale imidlalo yamihlanu kwiBoks. Waqala ukudlala umbhoxo kwinqanaba eliphezulu ngo2013 kwiBulldogs neFalcons ayidlaleleyo.
Lo mdlali uyidlalele neSouthern Kings phambi kokuya kwiSharks.
Obelahlekile ufunyenwe edlwengulwe ebulewe kwigumbi likamzala