AmaBhaka-bhaka anyukele phezulu kwiPSL

Ndumiso Mabena of Bloemfontein Celtic and Musa Nyatama of Orlando Pirates during the Absa Premiership 2017/18 game between Bloemfontein Celtic and Orlando Pirates at Dr Molemela Stadium, Bloemfontein on 26 November 2017 © Frikke Kapp/BackpagePix

Igowuli ekuphela
kwalo emdlalweni nelifakwe nguMusa Nyatama kwisiqingatha sesibini somdlalo
lincede AmaBhaka-bhaka namhlanje ngethuba ebetha iBloemfontein Celtic ngo’1-0
kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ngenjikalanga yanamhlanje eDr Molemela
Stadium. Le mpumelelo iyithathe i-Orlando Pirates yayibeka kwindawo yesibini
kwiPSL emva kokungaphumeleli ixesha elide kwimidlalo yePSL edlulileyo. Nangona
kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho nto ebhodini – kodwa iPirates ebiwulawula
umdlalo futhi ikhona nemingqandandana yamathuba. Isiwelele, ebibabekile abanye
abadlali bayo ngenxa yomdlalo weTelkom Knockout weveki ezayo, ikwazi
ukuthintela abadlali abayingozi beBucs abafana noThabo Qalinge, uThamsanqa
Gabuza obengabonakali emdlalweni noThabo Matlaba obephithizela kulo lonke
ibala.

Isantya somdlalo
siye senyuka kwisiqingatha sesibini somdlalo – ngelo xesha iCeltic ibikhuthazwe
yindlela esibambe ngayo isiqingatha sokuqala. UNyatama, obefudula edlalela iCeltic
kwisizini egqithileyo, ungcangcazelise umnatha kumzuzu wamashumi amathandathu
anesibini. Elo ibiligowuli lakhe lokuqala kule sizini ukusukela oko edlalela
eli qela laseSoweto. Umqeqeshi wePirates, uMilutin ‘Micho’ Sredojevic, uthe
akubona ukuba umdlalo angawuthatha, ufake u-Issa Sarr endaweni kaMpho Makola.
Ayifumenanga nelo bika iCeltic ekupheleni komdlalo – ngalo ndlela, yaba
iPirates ifak’engxoweni amanqaku amathathu namhlanje. Yona iBaroka FC isahleli phezulu emva kokudlala ntanganye ngo’2-2 nePlatimun Stars ephise ngomdlalo ixesha seliphelile.

Bloemfontein Celtic: Tignyemb, Mahlasela, Rikhotso, Ndengane, Lubisi, Mashikinya, Letsoalo, Baloyi, Hotto, Mabena , Phalane.

Orlando Pirates: Mabokgwane, Chabalala,
Shitolo, Nyauza, Matlaba, Sangweni, Nyatama, Qalinge, Memela, Makola, Gabuza.