AmaBhakabhaka abhulel’amasaka iFree State Stars kowayo

Makhehleni Makhaula from FS Stars and Linda Mntambo from Orlando Pirates during the Absa Premiership 2018/19 game between Free State Stars and Orlando Pirates at Goble Park, Bethlehem on 11 December 2018 © Gerhard Steenkamp/BackpagePix

Emva kokuqokelela
amanqaku apheleleyo emdlalweni wanamhlanje, i-Orlando Pirates ivule umsantsa
phakathi kwayo neqela eliza emva kwayo kwiPSL. AmaBhakaniya abhulel’amasaka
iFree State Stars ngamagowuli amathathu kwelinye (3-1) emdlalweni we-Absa
Premier Soccer League obubanjelwe eGoble Park Stadium kubusuku banamhlanje. UMilutin
“Micho” Sredojevic uqale umdlalo ngaphandle kwabadlali abathembileyo uMarshal
Munetsi noXola Mlambo ngenxa yamakhadi. Abadlali bePirates badlale umdlalo
omhle kakhulu ngokungathi khange baphoxeke kwiTelkom Knockout ababethwe kuyo
yiBaroka FC kwiveki ephelileyo eBhayi. Nangona ithanda ukugoloza ebaleni layo
iFree State – kodwa icishilelwe zisuka yiPirates ezicacise kwangoku ukuba ifuna
amanqaku aphelele emdlalweni.

UThembinkosi Lorch
ubhakuzelise umnatha kwangoko emdlalweni kwisigaba sokuqala. Igowuli lesibini
lilandele ngonyawo lukaJustine Shonga emva kokushiya amadoda ezizigede
ebhokisini phambi kokufaka igowuli lakhe. Umdlalo ulawulwe yiPirates kwaye
ibikwayiyo ekwazileyo ukuhlasela nedale amathuba acacileyo kwisigaba sokuqala.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla sele ithezele emnxebeni iBucs – kodwa ngelishwa layo
uHappy Jele ugwaze umkhonto ekhaya emva kokoyiswa yibhola ebigotywe ephikweni.
Indlela edlale ngayo izigaba sesibini iFree State Stars ibintle kakhulu.
Abadlali bayo babeke ixinizelelo kwiPirates ezenzileyo iimpazamo – kodwa ekwazileyo
ukuwakhusela amagowuli wayo kwade kwasekugqibeleni. Igowuli lesithathu lifakwe
nguLinda Mntambo kwimizuzu yokugqibela. Ngoku iPirates ibethwa ngumoya phezulu
ngamanqaku amane eshiya ngawo iBidvest Wits ehleli kwindawo yesibini kwiPSL.