AmaBhakaniya aphum’ eqhwalela eCape Town Stadium emva kokubethwa ngabatshakazi bePremiership

Linda Mntambo of Orlando Pirates is challenged by Mogamed de Goede of Stellenbsoch FC during the Absa Premiership 2019/20 game between Stellenbosch FC and Orlando Pirates at Cape Town Stadium on 26 October 2019 Ryan Wilkisky/BackpagePix

Emva kwamashumi
alithoba emizuzu, AmaBhakaniya aphume eqhwalela ebaleni emva kokubethwa ngabatshakazi,
iStellenbosch, ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni we-Absa Premiership obutshisa
bhe eCape Town Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Iziphindisele emdlweni
obalulekileyo iStellenbosch FC emva kokubethwa yi-Orlando Pirates ngegowuli
elinye eqandeni (1-0) emdlalweni weTelkom Knockout obuseGauteng kwiveki
ephelileyo. Umdlali ofake igowuli ephumelele ngalo iStellies ibe ngu-Iqraam
Rayners emzuzwini wamashumi amabini ananye kwisigaba sokuqala. Igowuli lizalwe
yimpazamo eyenziwe ngabadlali bePirates emva. Iquqe ibuyelela iStellenbosch
emhlabeni weBucs – kodwa iibhola zifike uWayne Sandilands ethe qwa emva kokubethiswa
ngu-Alfred Ndengane kwigowuli ekube kuphela kwalo emdlalweni.

Abadlali bakaRulani
Mokwena bazamile ukudibanisa umdlalo wabo futhi besiya phambi – kodwa uDe Jong
Mobbie ebengafuni nokuva ezipalini zeStellies. Imigushuzo kaVincent Pule,
uThembinkosi Lorch noTshegofatso Mabasa ibibonakala – kodwa into abangakwazanga
ukuyenza kukugqobhoza kwiStellenbosch ebixhathise kakhulu ngoRobyn Johannes noMarc
Van Heereden. Nakwisigaba sesibini, umdlalo ulawulwe yiPirates. Into ebe nzima
kukufaka igowuli. UKabelo Dlamini, uGabadinho Mhango noJustin Shonga bazamile
nabo emva kokufakwa kwabo kwisigaba sesibini – kodwa yalile kwade kwase
kugqibeleni iStellenbosch. Kweminye imidlalo, izolo iCape
Town City
ibethwe yiMaritzburg United ngo’1-0, iSuperSport United ibambene neBlack
Leopards ngo’2-2, yona iGolden Arrows izibethele iPolokwane City
ngo’2-1 emdlalweni wanamhlanje.