Amabhakaniya ayovingca eMaritzburg

Kuthe xibilili izibilini kumqeqeshi we-Orlando Pirates, * -Eric Tinkler, emva kokuba iqela lakhe lifumene impumelelo yalo yesine kule sizini.

Amabhakaniya abethe iqela elisokolayo kule sizini, i-University of Pretoria, ngo’2-0 omhle ngoLwesithathu kumdlalo obubanjelwe e-Orlando Stadium.

Amagowuli kulo mdlalo afakwe nguThabo Matlaba noSifiso Myeni. Emva kwale mpumelelo iBucks ihleli kwindawo yeshumi. Umdlali obedlala okokuqala emva kweenyanga ezindathu nguBrighton Mhlongo.

Lo nozinti uwenzile umahluko kulo mdlalo ngoba uvale iibhola ezininzi zamaTuks. “ Ndihleli ngaphandle iinyanga ezintandathu. Bekunzima kodwa ndibulela bonke abantu abandixhasileyo. Besisokola ixesha elide kodwa ke kubalulekile siqinise ngakumbi ukuya phambili,” utshilo uMhlongo.

UMhlongo kulindeleke ukuba adlale indima ebalulekileyo kwakhona xa iPirates idlala neMaritzburg United kumdlalo ozakube useHarry Gwala Stadium ngokuhlwa ngoMgqibelo.

Abalandeli buBucs basonwabile emva kwale mpumelelo, kanti bekulindeleke ukuba abalandeli bavakalise ukungonwabi kwabo emva komdlalo wamaTuks.

UTinkler uthethe wenjenje ngomdlalo wabo olandelayo: “Kufuneka siye eMgungundlovu sizame ukufumana amanqaku amathathu.

IMaritzburg ilwela ukusinda ezembeni, ngoko ke inganabo ubunzima. Kubalulekile ukuqhubela phambili nokuqokelela amanqaku ukuze kuzobuyela nokuzithemba kwabadlali,” utsho uTinkler.

Komnye umdlalo obuseKing Zwelithini Stadium, iGolden Arrows ibambene ne-Ajax Cape Town ngo’1-1. Kule mpela veki iJomo Cosmos yamkela i-Ajax engekafumani mpumelelo ukusukela mhla yafuma indebe yeMTN 8.

ICosmos izakuzama ukufumana amanqaku ukuze inyukele phezulu kwiPSL.