
Iqela lesizwe
lomboxo loMzantsi Afrika lidlale umdlalo ophucukileyo kakhulu namhlanje xa kuthelekiswa
nomdlalo odlileyo ne-All Blacks. Oorhasatsha kwibhola yombhoxo kwihlabathi
jikelele, iNew Zealand, ibethe uMzantsi Afrika ngo’25-24 kumdlalo weRugby
Championship obuvutha bhee eNewlands Stadium ngokuhlwa kwanmhlanje. Phantse bonke
abalandeli beeBoks bebebambe amazinyo kwaye besoyika emva kokuvuthululwa kwazo
zi-All Blacks kumdlalo wokuqala ngo’57-0 kutshanje.
NguMzantsi
Afrika otsazise igazi kuqala ngepenela efakwe ngu-Elton Jantjies – kodwa akubanga
kudala, uBeauden Barrett wabuya ngeyakhe yatsho yangu’3-3. Noxa umdlalo
ububambene kwisigaba sokuqala somdlalo – kodwa iindwendwe zikwazile ukufaka
uxinizelelo kuMzantsi Afrika wade wavula. Kuyiwe kwixesha lokuphumla ingu’8-3
ebhodini – iNew
Abadlali beeBoks baphume ebaleni bethokombise iintloko emva kokubethwa yiNew Zealand namhlanje kumdlalo weRugby Championship. Umfanekiso: Phandulwazi Jikelo.
Isiqingatha
sesibini sesona besinika umdla ngoba bekunzima. Okona kube kuhle kukubona
iiBoks zivala umsantsa ezithe zawuvulelwa ziindwendwe. Abadlali beeBoks abalele
emgceni nguRoss Cronje, uJean-Luc du Preez noMalcom Marx – kanti kwi-All Blacks
kuncede abadlali abafana noLoane noMcKenzie. Noxa ukubethwa ingeyonto
elangazelelwayo ngabalandeli – kodwa ukuzimisela kwabadlali boMzantsi Afrika
nokulwa kwabo kubaxolisile namhlanje.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates