AmaBhoko-bhoko achanenwe kakubi kukonzaka kukaSmit

AmaBhoko-bhoko. Umfanekiso: Backpage Pix

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika, AmaBhoko-bhoko, lisengxakini emva kokonzakala komdlalo wasephikweni, uRoelof Smit, namhlanje kanye phambi kwemidlalo yotyelelo lwaseYurophu oluqala kule mpelaveki.

Lo mdlali, 23, ugaxeleke kule ngxaki ngethuba eziqeqesha kwinkampu yeeBoks, eNgilane, namhlanje. Okwangoku kulindwe iziphumo zohlolo olwenziweyo kanye phambi kwemidlalo yovavanyo ezakudlalwa nguMzantsi Afrika namazwe afana neNgilane, Italy neWales.

Omnye umdlali okungenzeka angakwazi ukuthath’inxaxheba kule midlalo nguJesse Kriel ngenxa yokwenzakala akufumene ngethuba uMzantsi Afrika udlala neeBarbarians kumdlalo ophele ngo’31-31, eWembley Stadium, kwimpelaveki edlulileyo.

Akaphozisanga maseko u-Allister Coetzee, endaweni kaKriel ukhwene uRohan Janse van Rensburg – ngoku usakhangela umdlali ozakuthatha indawo kaSmit.

“Usesibhedlele, ngoku silinde iziphumo zovavanyo olwenziwe ngooGqirha. Kukhangeleka ngathi singaphulukana naye. Sinalo ngxaki ke sililizwe,” utshilo uCoetzee.

“Kwelinye icala sinoFrancois Louw, uJaco Kriel noHeinrich Brussow nabanye – kodwa oko akusixhalabisi ngoba sinabo abanye abadlali abanokungena kwiindawo zabo,” utshilo uCoetzee.

UCoetzee uphantsi koxinizelelo olubi ngenxa yokunqatyelwa ziziphumo eziphucukileyo emva kokuhlazwa yiNew Zealand ngo’57-15 kwinyanga ephelileyo.

NgoMgqibelo AmaBhoko-bhoko adlale ngokulingana neeBarbarians – ngoku aya kumdlalo wawo [AmaBhoko-bhoko] neNgilane kule mpelaveki, eTwickenham, ezidyongo.

UMzantsi Afrika awukabethwa kwimidlalo yovavanyo yiNgilane ukusukela ngo’2006 kwaye uCoetzee uzakuncedwa kukufika kwabadlali abanamava abaquka uJP Pietersen, uBryan Habana noWarren Whiteley abafike izolo enkampini.

“Iveki inde kakhulu embhoxweni. Ingathi sifike izolo apha, abadlali bafikile bonke kwaye besinentlanganiso nabo namhlanje. Kuyavakala ukuba le veki izakuba nkulu. Siwulungele umdlalo nangona singabonwa njengelona qela linamandla nje. Sidlala neqela elikwindawo yesibini kwihlabathi. Iyiphumelele yomithathu iNgilane imidlalo yovavanyo yayo e-Australia – ukuzithemba kwayo kuphezulu,” utshilo uCoetzee.