Umqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo eMzantsi Afrika, u-Allister Coetzee, uzakujongana nomceli-mngeni omkhulu ngomso kunalowa wokuqala ngethuba Amabhokobhoko ebetha ilizwe lase-Iraland kutshanje. Izitsibabhokhwe zizakuthi zixikixane ne-Argentina kumdlalo oqala ngomso eNelspruit. Ilizwe lase-Argentina libalelwa phakathi kwamazwe ambalwa anamandla embhoxweni wehlabathi kwaye kubonakala ngathi olu lelona vavanyo kumqeqeshi weeBoks. UCoetzee kuye kwanyanzeleka ukuba akhwebe phantse bonke abadlali abathembileyo abadlala phesheya kolwandle. Abo badlali baquka uJohan Gosen negqala elidlala ephikweni – uBryan Habana. UGoosen udlalela iRacing Metro kwilizwe laseFrance, uye kuyo emva kokushiya iCheetahs ngo-2014, ilizwe ulidlalele amatyeli amathandathu ukusukela kumdlalo wokuqala ne-Australia ngo’2012. UHabana kulindeleke ancede Amabhokobhoko ngamava wakhe kwakhona emva kokunqaba kweli qela. Phambili uCoetzee uzakutyhala ngoJulian Redelinghuys ozakudlala okokuqala endaweni kaFrans Malher kunye noLood de Jager. Umqeqeshi uzakuqala umdlalo ngabadlali abasebenzise kumdlalo weli qela odlulileyo ubukhulu becala. “Kufuneka siphucule umdlalo wethu. Xa uzimisele ngokwenza oko ke, iqela elifana ne-Argentina lifanelekile ngoba ayilofoko-foko,” utshilo uCoetzee.
Impumelelo yeeBoks iyakuthi izinike inkuthazo emandla namandla wokukhuphisana ngakumbi neNew
South Africa: Johan Goosen, Ruan Combrinck, Lionel Mapoe, Damian de Allende, Bryan Habana, Elton Jantjies, Faf de Klerk, Warren Whiteley, Oupa Mohoje, Francois Louw, Lood de Jager, Eben Etzebeth, Julian Redelinghuys, Adriaan Strauss, Tendai Mtawarira.
Amalalela: Bongi Mbonambi, Steven Kitshoff, Vincent Koch, Pieter-Steph du Toit, Jaco Kriel, Rudy Paige, Juan de Jongh, Jesse Kriel
Argentina: Joaquín Tuculet, Santiago Cordero, Matas Orlando, Juan Martín Hernández, Manuel Montero, Nicolás Sánchez, Martín Landajo, Facundo Isa, Juan Manuel Leguizamon, Pablo Matera, Tomas Lavanini, Matías Alemanno, Ramiro Herrera, Agustín Creevy (captain), Nahuel Tetaz Chaparro.
Amalalela: Julián Montoya, Felipe Arregui, Enrique Pieretto, Guido Petti, Javier Ortega Desio, Tomas Cubelli, Santiago Gonzalez Iglesias, Ramiro Moyano
Halala, utshatile uMama Joy!