Amabhoko-bhoko akhangela uKapteni omtsha

Umqeqeshi weeBoks, u-Allister Coetzee no-Andrian Strauss ngethuba bethetha neentatheli Umfanekiso: BackpagePix

Emva kokubethwa kweqela lesizwe lombhoxo yi-Argentina kwimpelaveki edlulileyo, u-Adriaan Strauss, uthathe isigqibo sokuzibeka phantsi iintambo njengoKaputeni weqela lesizwe ngenxa yezigxeko [noxa engatshongo nje] zabathandi bomdlalo wombhoxo.

Kwiinzame zomqeqeshi weli qela zokukhangela inkokeli entsha, kubonakala ngathi angachonga enye phakathi kwamadoda amane.

Lo madoda ngala: Warren Whiteley, Duane Vermeulen, Pat lambie, Handre Pollard noFrancois Louw.

UStrauss uthe uzimisele ukubeka phantsi xa kuphela le sizini yemidlalo yovavanyo yombhoxo.

Lo kaStrauss wachongwa nguCoetzee emva kokubhengezwa kwakhe njengomqeqeshi waMabhoko-bhoko kwiinyanga ezidlulileyo kulo nyaka.

Ukhokele eli qela lesizwe kwimidlalo yovavanyo emithathu ebiphakathi koMzantsi Afrika nelizwe lase-Ireland kwakunye nemibini eliyidlale ne-Argentina.

UMzantsi Afrika untingele kwilizwe lase-Australia izolo – apho uzakudlala umdlalo weRugby Championship neeWallabies kwidolophi yaseBrisbane uze emva koko udlale umdlalo wovavanyo neenkunzi embhoxweni wehlabathi, iNew Zealand, kwisixeko saseChristchurch.

Izolo phambi kokuncothuka kweqela lakhe, uCoetzee, umncomile kakhulu umsebenzi kaStrauss.

“Ukusukela ekuqaleni bendisazi ukuba uStrauss uzakubeka phantsi ekupheleni kuka’2016 – kodwa ngoba ungumdlali obalulekileyo – ebeyinxalenye yeenguqu zethu.

Uyindoda ezinikeleyo emdlalweni eMzantsi Afrika – kodwa enganconywayo ngomsebenzi ewenzayo. Oontanga bakhe abaninzi bakhetha ukuya kwizizwe zaphesheya kolwandle kodwa yena uhleli apha. Ndimazi uStrauss ngokunxanelwa impumelelo kwiqela lesizwe,” utshilo uCoetzee.

UStrauss uthe wayefuna ukuyeka ekupheleni kwesizini ephelileyo – kodwa wasirhoxisa isigqibo sakhe ngenxa kaCoetzee owathi ufuna akhokele Amabhoko-bhoko.

“Emva kokucelwa ngumqeqeshi lo ukuba ndikhokele iqela, ndaziva ndiwongekile kakhulu. Isicwangciso sethu ekuqaleni ibikukuba ndikhokele ngeli xesha leenguqu – kodwa ke ndandimxelele kwantlandlolo ukuba ndicinga ukubeka phantsi. Ndikonwabele ukukhokela iiBoks – kodwa lifikile ixesha lokuba oogxa bam bangene endaweni yam,” utshilo uStrauss.

Akukacaci nokuba umqeqeshi uyakusebenzisa mntu wumbi na kule midlalo yovavanyo izayo.