AmaBhoko-bhoko aliphumelele idabi laseSalta!

The Springboks managed to secure a bonus point in beating Argentina. Photo: @Springboks via Twitter

Abuye noloyiso AmaBhoko-bhoko kolona dabi ebekucingeleka okokuba lunganzima kakhulu enkundleni yePumas – eSalta. Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo livuthulule i-Argentina ngo’41-23 kumdlalo weRugby Championship obunzima kwinkundla yayo iPumas ekuseni namhlanje. Amakhwenkwe ka-Allister Coetzee ayibethe okwesibini i-Argentina emva kokuyibethela eNelson Mandela Bay Stadium ebigcwele qhu kwiveki ephelileyo. Lo ngowona mdlalo obujongwe kakhulu ngabantu belizwe loMzantsi Afrika obutshayelela umlo wehlabathi wamanqindi obuphakathi kukaMayweather noMcGregor obunamhlanje ekuseni.

Nangona AmaBhoko-bhoko ebuye noloyiso – kodwa ancedwe ziimpazamo ezenziwe yiPumas ngamaxesha athile kulo mdlalo. Indoda etsazise igazi kuqala ngu-Emiliano Boffelli kanti yena u-Elton Jantjies uphose amathuba amabini okubhalisa ebhodini. IPumas idlale ngabadlali abambalwa emva kokukhutshwa kukaTomas Lavanini ngekhadi elityheli. Ekubeyeni kwakhe uSiya Kolosi – indoda yaseBhayi – ulele emgceni ebeka ilizwe lakhe endaweni entle kulo mdlalo. UKolisi udlalelwe kakuhle kakhulu ngabadlali abafana noJantjies noJesse Kriel. Emva koko uJantjies ufake ipenela emva kokuzama izihlandlo ezithathu zonke. Ubuyisile kodwa uRamiro Moyano we-Argentina yatsho yangu’10-10 ebhodini.

Nangona bekunzima abadlali boMzantsi Afrika khange banikezela konke, yiyo lo nto kuyiwe kwixesha lokuphumla behamba phambili ngo’17-10. sona isiqingatha sesibini besitshisa futhi kulapho kudlalwe ubhoxo nyhani. Abanye abadlali abancede uMzantsi Afrika baquka uJean-Luc du Preez noJantjies.

Ababhalise ebhodini:

Springboks 41 – Tries: Siya Kolisi (2), Elton Jantjies, Penalty Try, Jean-Luc du Preez. Conversions: Jantjies (4). Penalty: Jantjies (2).  

Argentina 23 – Try: Ramiro Moyano, Matias Moroni. Conversions: Juan Martin Hernandez (1), Nicolas Sanchez (1). Penalties: Emiliano Boffelli (2), Hernandez (1).