AmaBhoko-bhoko anganzinyelwa e-Argentina

Umqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo, * -Allister Coetzee, nabadlali bakhe bantingele kwilizwe elikumazantsi eMelika begcobile emva kokuphumelela umdlalo wokuqala.

AmaBhoko-bhoko avuthulule i-Argentina ngo’37-15 kumdlalo wokuqala weRugby Championship odlalelwe phambi kwabalandeli bombhoxo abangaphaya kwamashumi amane amawaka eNelson Mandela Bay Stadium kwiveki ephelileyo.

Nangona impumelelo iyeyona nto ebalulekileyo – kodwa umdlalo weBoks useneendawo ezifuna ukuqwalaselwa, naye umqeqeshi uyivumile lo nto. Njengokuba uMzantsi Afrika uzakudlala ne-Argentina, eSalta, ngoMgqibelo, izinto zingajika.

“Kufuneka silungise iindawo ezithile kumdlalo wethu. Kufuneka siqinisekise ukuba siyabashicilela futhi nokukhaba kwethu kube ngcono. Phambi kwabalandeli, abadlali be-Argentina bazakufuna ukuguqula izinto kwaye kufuneka silungiselele umdlalo onzima,” utshilo uJaco Kriel kwiintatheli.

Umqeqeshi ubaqhwabele izandla abadlali bakhe kwiveki ephelileyo kwaye uyazazi iiPumas ukuba zinamandla okumelana naliphi na iqela.

“Abadlali be-Argentina bebesebenzisa amandla emdlalweni – kodwa amaqhinga wethu phaya emva asebenzile. Bebethi xa bezama ukuhlasela sibe sibalungele. Ndonelisekile yimpumelelo kulo mdlalo nangona ingagqibelelanga,” utshilo uCoetzee kwiveki ephelileyo.

Abadlali baMaBhoko-bhoko abathe bazenzela igama kumdlalo ogqithileyo baquka uRaymond Rhule, uCourtnall Skosan, uSiya Kolisi noPieter-Steph du Toit.