AmaBhoko-bhoko awuncumisile uMzantsi Afrika

AmaBhoko-bhoko aguqise phantsi iFrance izolo. Umfanekiso: Phandulwazi Jikelo

Ekuqaleni kwale
veki abantu belizwe loMzantsi Afrika bebentywizisa emva kokungakwazi ukufumana
amalungelo wokusingatha indebe yehlabathi yombhoxo yango-2023. Isigqeba
esilawula iWorld Rugby sinike iFrance (emva kokuvota kwamazwe ayinxalenye
yeWorld Rugby) uxanduva lokusingatha indebe
yehlabathi okwesibini kwisithuba seminyaka elishumi. Lo nto khange ibaphathe
kakuhle abantu beli lizwe. AmaBhoko-bhoko aye kumdlalo obuphakathi kwawo
neFrance izolo kukho lo nto ingemnandanga. Amakhwenkwe ka-Allister Coetzee,
obephantsi koxinizelelo olumandla emva kokubethwa kweqela lesizwe imidlalo
eliqela, akwazile ukuzuza impumelelo ebifuneka ngokubetha iFrance etsala nzima
kwezi ntsuku ngo’18-17 kumdlalo obubanjelwe eStade de France, eSaint Denis,
ebusuku izolo.

Emva kokuvuthululwa
kwaMaBhoko-bhoko ngo’38-3 lilizwe lase-Ireland kwiveki ephelileyo – kuye kwanyanzeleka
ukuba umqeqeshi axoze omnye umphini kuba nekamva lakhe besele lisesichengeni.
Ukuba iiBoks bezibethiwe izolo, le veki ibizakuphela kusithiwa uCoetzee
ukhonjwe emnyango yiSaru. Nangona abadlali beSpringbok bedlale ngokuzimisela
kumdlalo wayizolo – kodwa bekukhona ukubamba abazinyo ngoba bekungekho msantsa
phakathi kwala mazwe ebhodini. Ukuba uHandre Pollard ebekwazile ukuwasebenzisa
ngokupheleleyo amathuba weepenela, ngekubekho umahluko omkhulu kwicala
lamanqaku ebhodini. Xa iqela lingaqhubi kakuhle, kuye kunyanzeleke kusukume
amadoda aluthathele kuwo uxanduva lokuqinisekisa okokuba izinto ziyenzeka.
Abadlali abaphambili eMzantsi Afrika abafana noSiya Kolisi, uLood de Jager,
u-Eben Etzebeth noMalcolm Marx benze kanye lo nto ukuze uMzantsi Afrika
uyibethe iFrance.

AmaBhoko-bhoko
ebehamba phambili ngo’8-0 kwimizuzu engamashumi amabini kwisigaba sokuqala –
kodwa ilishwa kukuba uPollard akakwazanga ukusebenzisa amapenela engewubeke
endaweni entle kwangoko emdlalweni. Ngoku uCoetzee uzakulungiselela ukudibana
ne-Italy kungekho xinizelelo lungako emagxeni wakhe nangona kunyanzelekile
lifumane impumelelo iqela lakhe ukuze kuxole abalandeli boMzantsi Afrika
ngokupheleleyo.

France 10 – Tries:
Anthony Belleau, Baptiste Serin. Conversions: Belleau (2). Penalty: Belleau
(1).

Springboks 18 – Tries: Dillyn Leyds, Jesse Kriel.
Conversion: Handré Pollard (1). Penalties: Pollard (2).