AmaBhokobhoko abethwe yiBritish Lions afuna impindezelo eFNB Stadium!

USiya Kolisi (captain) ewiswa phantsi nguHamish Watson emdlalweni wovavanyo obuphakathi kweSpringbok neBritish kwimpelaveki egqithileyo eCape Town Stadium. Umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Umqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo, uJacques Nienaber noKapteni uSiya Kolisi, bavumile ukuba iqela labo libethiwe ngamaNgesi (Britishi & Irish Lions) ngenxa yeempazamo elizenzileyo emdlalweni wovavanyo wokuqala. AmaBhokobhoko aphume eCape Town Stadium kwimpelaveki egqithileyo iintliziyo zawo zonzakele emva kokubethwa yiBritish & Irish Lions ngo’22-17 nangona ingawo aqale abhalisa ebhodini. UMzantsi Afrika ubuqala ukudlala umdlalo okwinqanaba eliphezulu ukusukela oko wabuya nendebe kwitumenye yehlabathi ngo-2019. Nangona iSpringbok sikhubekile nje – kodwa uNienaber uthembise ngelithi iqela lakhe liza kubuya neziphumo ezibhetele emdlalweni wesibini oza kube useFBN Stadium ngentsimbi yesihlanu emalanga ngoMgqibelo.

“Siza kuyilungisa into eyenzeke emdlalweni ogqithileyo,” utshilo uNienaber ngokuzithemba okukhulu, ethetha nabeendaba emva komdlalo. Umqeqeshi akafunanga ukubona ukuphazanyiswa kwamalungiselelo yiKhorona ebichaphazele isixhenxe sabadlali njengeyona nto ebangele ukubethwa kweqela lakhe. Noxa isiqalo somdlalo besingcono – kodwa amandla wabadlali aye ehla kwisigaba sesibini. “Abadlali khange bafumane ixesha lokuzilolonga elaneleyo – kodwa sikwazile ukudlala kakuhle kwisigaba sokuqala. Kwisigaba sesibini sibethiwe qha, ngeke sisole into eyenziwe yiKhorona,” utshilo uNienaber.

Naye uKolisi uyivumile induku yamaNgesi. “Asidlalanga kakuhle. Iibhola eziphezulu zisonzakalisile,” utshilo uKolisi. Kanti yena uWarren Gatland, oqeqesha iBritish & Irish Lions, uthe imeko yeSpringbok iyafana neyeqela lakhe ngoba alifumananga xesha elaneleyo lokuzilungiselela. Omabini amaqela enze iinguqu phambi komdlalo wesibini obaluleke kakhulu. AmaNgesi aya emdlalweni efuna ukuphumelela umdlalo wesibini ukuze agoduke noloyiso – kanti AmaBhokobhoko afuna ukubuyisa isidima sawo ngokuphumelela.