Amabhokobhoko abolekise ngesine sabadlali

Amabhokobhoko akhuphe abadlali abane abadlala kwiqela lesizwe ukuze bayokuncedisa iSA “A” side kumdlalo wayo wokuqala kwemibini ne-England Saxons.

Lo mdlalo uzakudlalelwa eToyota Stadium, eBloemfontein ngoLwesine.

Umdlali ogabangxayo uScarra Ntubeni, uSikhumbuzo Notshe, uNic Groom kunye nomdlali okhabayo uGarth April, bayinxalenye yabadlali abangamashumi amathathu ananye abaziqeqeshayo. Badibene nomqeqeshi uJohan Ackerman izolo ngokuhlwa .

Aba badlali bobane kulindeleke ukuba baphinde badibane nabanye abadlali beSpringboks eKapa, ngoMgqibelo nalapho iiBoks zizakube zidlala umdlalo wokuqala wovavanyo ne-Ireland.

UNtubeni ngomnye wabadlali abangenikwa thuba ngokwaneleyo kwiSpringboks, kwaye ukubizwa kwakhe kwiSA “A” kucacisa mhlophe ukuba angangabikho kulo mdlalo wangomso.

Ngomso * -Allister Coetzee kulindeleke ukuba abhengeze abadlali abazakudlala.