Amabhokobhoko adibana neWales ekelemileyo

Sekumbovu iqela lesizwe loMzantsi Afrika lisonge uchungechunge lwemidlalo yovavanyo kutyelelo lwaseYurophu. Kwiveki ephelileyo,

Amabhokobhoko azuze enye impumelelo ebalulekileyo ngethuba ebetha iScotland ngo’26-20 kumdlalo obunzima kakhulu.

Impumelelo yeveki ephelileyo ilandela enye efunyenwe nguMzantsi Afrika ngokubetha iFrance. Kutyelelo lwaseYurophu oluphelayo, uMzantsi Afrika usabethwe yiNgilane qha kwimidlalo egqithileyo.

Umqeqeshi weBoks, uRassie Erasmus, uthi umdlalo oza kuba phakathi kweqela lakhe neWales ngoMgqibelo ngowona mdlalo oza kubanzima kutyelelo lwaseYurophu.

Kwimidlalo esibhozo egqithileyo, iWales ayiphulukananga nawo namnye umdlalo kwaye phakathi kwamazwe ewabethileyo kukho iScotland, iAustralia neTonga.

Ngaphandle kwamathandabuzo, uRassie uyindoda ekhululekileyo emva kokuba ukapteni wakhe, uSiya Kolisi, engohlwaywanga ngumbutho wehlabathi olawula umbhoxo emva kokuba etyholwe ngokungquba ngentloko umdlali weScotland.

Kodwa uRassie umincile kwelinye icala ngokuba umdlali wakhe othembekileyo uEben Etzebeth akuqinisekwanga ngobukho bakhe ngenxa yokonzakala akufumene kwiveki ephelileyo.

“Sidlale imidlalo emine enzima – kodwa lo wokugqibela ngowona uza kubanzima kakhulu. Abadlali beWales banendlela yabo abawuphatha ngawo umdlalo kwaye noWarren Gotland uyayiqonda indlela abadlala ngayo,” utshilo uRassie ekuqaleni kwale veki.

Ukuba Amabhokobhoko angakwazi ukubetha iWales – lo nto iya kuthetha ukuthi amalungiselelo wendebe yehlabathi ekunyaka ozayo ahamba kakuhle kakhulu.

“Asinayo imbali entle kwimidlalo esiyidlale neWales – kodwa injongo yethu isoloko ikukuzuza impumelelo xa sidlala nayo. Ndicinga ukuba indebe yehlabathi iza kuvuleleka kunyaka ozayo. Siyibonile into eyenziwe yi-Ireland ekhayeni leNew Zealand kwaye nathi sikwazile ukuyibethela kokwayo. Amazwe anokuphumelela indebe yehlabathi yiNew Zealand neIreland – kodwa iWales lelinye lamazwe aya kuthi othuse abantu abaninzi,” utshilo uRassie.