AmaBhokobhoko afumene umqeqeshi omtsha – kodwa iinyawo zakhe zinodaka

Rassie Erasmus, Mark Alexander President of SARU and Jaques Nienaber New Head Coach during the Springboks Press Conference on 24 January 2020 at Southern Sun Hotel, Pretoria , Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umbutho olawula
umboxo kweli lizwe, iSouth African Rugby, uchonge uJacques Nienaber
njengomqeqeshi omtsha weqela lesizwe lombhoxo. Indedeba yakwaNienaber ingene
ezihlangwini ezishiywe nguRassie Erasmus obuyele emsebenzini wakhe
njengomlawuli oyintloko kwiSaru. Nangona engumqeqeshi omtsha kwiBoks, uJacques
Nienaber – kodwa ligama nje elo ngoba iinyawo zakhe zinodaka. Ebengomnye
wamadoda ancedise uErasmus ngethuba iqela lesizwe lidlala indebe yehlabathi. Emva
kokuba AmaBhokobhoko ephumelele indebe yehlabathi, uRassie Erasmus, waye wathi
akakwazi ukuqhubela phambili njengomqeqeshi wawo ngoba unomsebenzi wakhe kakade.
Ukunyuselwa kukaNienaber akubothusanga kwaphela abalandeli bombhoxo ngoba
ebebonwa njengomnye wamadoda athe anegalelo elibonakalayo kwimpumelelo
yoMzantsi Afrika kwitumente yombhoxo ebibanjelwe eJapan kunyaka ophelileyo.

UNienaber,
47, noRassie baqala ukusebenzisana ngethuba besebenzela iFree State Rugby
kwiminyaka yoo-90. Baphinde basebenza kunye kwiWestern Province
nakwiStormers phambi kokuqeshwa yiSouth African Rugby kwiminyaka emibini
egqithileyo. UDeon Davids ulisekela likaNienaber ukusukela namhlanje. Yena ukhe
waqeqesha iqela lombhoxo laseMpuma Koloni elidlala kwiPRO 14, iSouthern Kings,
iSWD Eagles nakwiBoland. UDaan Human ngomnye wabancedisi baMabhokobhoko oza
kungena endaweni kaMatt Proudfoot oqeshwe yiNgilane kwiveki ephelileyo. UMzwandile
Stick, obengumncedisi kusekho uRassie, uza kuhlala esikhundleni sakhe.  Umongameli weSaru, uMark Alexander, uthe
isigqeba sigqibe kwelokuba sithathe umntu ongaphakathi kwiBoks ukuze athathe
apho ayeke khona uRassie ngoba umntu omtsha ebeza kuqala phantsi yonke into.