Amabhokobhoko afuna ukuyiphinda iAustralia eyophisayo kowayo!

Njengokuba kungena kwiveki yesibini yeRugby Championship, uMzantsi Afrika ufuna enye impumelelo. Umsila uphezulu kwiqela loMzantsi Afrika emva kokuba livuthulule iAustralia ngo’33-7 emdlalweno obuseBrisbane ngentseni yangoMgqibelo odlulileyo. Amakhokobhoko azuze impumelelo ebalulekileyo emva kwexesha elide kakhulu esokoliswa yiAustralia xa kudlalelwa kowayo. Iintshatshelo zehlabathi zingene emdlalweni odlulileyo zilume ongezantsi futhi zifuma ukuphumelela.

USiya Kolisi, olele emgceni kuqala emdlalweni, uvakalise uchulumanco – kodwa walumkisa ngelithi abadlali bangamfanyekiswa kokwenzekileyo ngoba kusayiwa komnye umdlalo onzima. “Siya emdlalweni wovavanyo omtsha kwiveki ezayo futhi oza kunika abadlali abatsha ithuba lokudlalela iqela lesizwe. Kodwa siyazi ukuba uJoe Schmidt oqeqesha iAustralia angaziguqula izinto,” utshilo uRassie Erasmus emva komdlalo. USchmidt ngumqeqeshi omtsha ozama ukubuyisa isidima se’Australia.

UKolisi waleke umsundulo ngelithi oogxa bakhe kufuneka banyuse umxakatho ngakumbi emdlalweni olandelayo. AmaBhokobhoko aza kudibana etshatshalazeni kwakhona ne’Australia emdlalweni oza kuba se’Optus Stadium ekuseni ngoMgqibelo. “Umdlalo uza kwahluka kwiveki ezayo futhi uza kuba nzima. Kufuneka sizimisele ngakumbi. Impumelelo esiyifumeneyo ibaluleke kakhulu kuthi. Asikwazanga ukudlala kakuhle eminyakeni edlulileyo. Le mpumelelo ibalulekile kakhulu kuthi.

“Kusigcobisa kakhulu ukuphumelela – kodwa iingqondo zethu besizibeke emdlalweni wanamhlanje nakubeni besisazi ukuba yindawo iAustralia engabethwayo kuyo. Besisazi ukuba besingeke siphumelele iCastle Lager Rugby Championship apha – kodwa kwangaxeshanye, besisazi ukuba singaphulukana nayo apha ukuba sifuna ukuyiphumelela,” utshilo uKolisi. Yena uRassie uthe ebefuna iAustralia ingacholi naphantsi – kodwa eyona nto ebaluleke kakhulu kukuphumelela umdlalo.