AmaBhokobhoko agxeleshe ukuvuka ngeFrance ngempelaveki

Amabhokobhoko edlala ne-Ireland kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Morgan Treacy/INPHO/Shutterstock/BackpagePix

Amabhokobhoko aya emdlalweni wovavanyo emongoza emva kokubethwa kabuhlungu yi-Ireland emdlalweni obungempelaveki egqithileyo. Iqela lombhoxo loMzantsi Afrika libethwe ngo’19-16 emva kokwenza iimpazamo emizuzwini yokugqibela. Ngoku Amabhokobhoko abila esoma enkampini eYurophu – apho alungiselela khona ukudiba neFrance esokolisayo emdlalweni oza kube useStade Velodrome kwisixeko saseMarseille ngoMgqibelo. Isekelamqeqeshi, uSeon Davids, uvumile ukuba iziphumo zomdlo ogqithileyo zibaphoxile kakhulu ngoba bebefuna ezibhetele kunazo.

Amabhokobhoko angxeleshe impumelelo xa edibana neFrance – ngoba ukubethwa kwawo amatyeli amabini elandelelana kunokwenzeka amoshe amalungiselelo wetumente yehlabathi ekunyaka ozayo. “Zisiphoxile iziphumo esizifumene emdlalweni ogqithileyo. Esikufunemeyo ayizoziphumo ebesizifuna,” utshilo uDavids ethetha neentatheli ekuqaleni kwale veki. Ukuze iFrance ingakhweli phezu kweentloko zamaBhokobhoko, kufuneka anyuse umxakatho emdlalweni olandelayo. “Sesithethi ngomdlalo olandelayo neendawo ezifuna ukuphuculwa emdlalweni wethu. Abekhona amaxesha esidlale ngawo kakuhle emdlalweni ogqithileyo – kodwa okuye kwabonakala kukuba kufuneka silungise iindawo ezithile.

“Izigqibo zethu ezingachanekanga xa siphethe ibhola zisichanile – kodwa ngoku sinomdlalo obalulekileyo phambi kwethu. Ibonisile iFrance ukuba iliqela elidlala kakuhle kakhulu ngokubetha iAustralia kwimpelaveki egqithileyo,” utshilo uDavids. “Umlo phakathi kwethu neFrance uza kuba nzima ngoba inabadlali baphambili eza kuxhokonxa ngabo. Umdlalo esiya kuwo kuzawufuneka amandla kakhulu kuwo. NgoLwesibini, uJacques Nienaber, ubhengeze iqela elingafaniyo nelidlale kwiveki ephelileyo. UCheslin Kolbe uza kudlala ephikweni lasekunene – kanti yena uKurt-Lee Arendse uza kudlala ephikweni lasekunxele. UMakazole Mapimpi uza kuqala umdlalo njengelalela. “Lo mdlalo uza kusinceda ngoba siza kudlalela kweli bala imidlalo yetumente yehlabathi,” utshilo uNienaber ofuna iqela lakhe liphumelele ngoMgqibelo.