Amabhokobhoko akabaphoxanga abantu baseBhayi!

UCourtnal Skosan ngethuba elala emgceni kumdlalo weRugby Championship obuphakathi kweSpringboks ne-Argentina namhlanje eNelson Mandela Bay Stadium. Umfanekiso: Phandulwazi Jikelo

Iqela lesizwe lombhoxo alibaphoxanga abantu baseBhayi kumdlalo wanamhlanje. Amabhokobhoko avuthulule ngo’37-15 i-Argentina kumdlalo weRugby Championship obubukelwe ngabalandeli bombhoxo abangaphaya kwamashumi amane anesibini amawaka (42 513) kuloo ngqele ebiqhaqhazelisa amazinyo eNelson Mandela Bay Stadium ngongcwalazi namhlanje. Nangona uluntu lwaseBhayi belunexesha elide kakhulu lwagqibela ukufumana umdlalo weqela lesizwe okumgangatho ophezulu – kodwa bagoduke bexoliswe yindlela iqela lesizwe elisebenze ngayo nangona bekungelulanga kulo.

Pedro Mapelo's photo.

Impumelelo yeeBoks iza kanye emva kokuphumelela imidlalo yovavanyo ezibethe kuyo iFrance kwiinyanga ezidlulileyo. Lo nto ithetha ukuthi iqela leli lizwe lisendleleni ebuyela kumgangatho walo ophezulu okokuqala emva kokungena kuka-Allister Coetzee kwisikhundla sokuqeqesha kunyaka ophelileyo ongakhange ubemhle kwaphela kulo. Amabhokobhoko ebegunye ngokuhlasela kanti yona iPumas ibiqine kakhulu kwicala lokuzikhusela – lo nto iwenze nzima khulu um sebenzi weBoks kulo mdlalo. Kodwa izinto ziqale ukuwuhambela kakuhle uMzantsi Afrika emva kwemizuzu elishumi ngethuba u-Elton Jantjies efaka ipenela ethe yahlupheza abadlali ngakumbi.

Pedro Mapelo's photo.

Emva kwexesha nayo iPumas ibuyile isebenzisa iimpazamo zabadlali boMzantsi Afrika. Ekubuyeni kwazo iiBoks kwixesha lokuphumla, zibonakele zibukhali futhi kucaca okokuba zingxolisiwe nguCoetzee. Abadlali babuye bebukhali xa besiya phambili, benikelana ngeyona ndlela incomekayo futhi umgangatho womdlalo wabo icaca okokuba ngoweqela lesizwe. Abanye babadlali abathe badlala umdlalo ophucukileyo namhlanje baquka uCourtnall Skosan okwazileyo ukulala emgceni noRaymond Rhule okwazileyo naye ukubhalisa igama lakhe kwabo balele emgceni. Nangona isiqalo seeBoks kumdlalo wovavanyo kwiChampionship ubungelulanga – kodwa okubalulekileyo kukuba ziphumelele.

Abafake amanqaku:

South Africa 37 – Abalele emgceni: Courtnall Skosan, Raymond Rhule, Siya Kolisi, Pieter-Steph du Toit. Conversions: Elton Jantjies (4). Amapenela: Jantjies (3).

Argentina 15 – Abalele emgceni: Martin Landajo, Emiliano Boffelli. Conversion: Nicolas Sanchez (1). Ipenela: Sanchez (1).