Amabhokobhoko alungiselela imfazwe enzima neWallabies!

UMzandile Stick uvakalise ukuzithemba enkampini yeqela lesizwe loMzantsi Afrika phambi komdlalo omkhulu ngempelaveki. Amabhokobho aza kuthatha neAustralia emdlalweni weRugby Championship oza kube useSuncorp Stadium, eBrisbane, ngoMgqibelo.

UStick, olisekela mqeqeshi, uthe bayavuya bede bafika eAsutralia – apho baza kudibana neentshaba zabo ezinkulu embhoxweni wehlabathi. Ziza kunqoza ngempelaveki ngoba iSpringboks siya kwiAustralia ebetheka nzima ebaleni layo.

Nangona iAustralia ingaqhubanga kakuhle kwitumente yehlabathi ebibanjelwe eFrance kunyaka ophelileyo – kodwa le yeminye imidlalo. Iya kwimidlalo yeRugby Championship ifuna ukuzama ukubuyisa isidima sayo ngoba iza kube idlala neentshatsheli zehlabathi, uMzantsi Afrika.

Emva komdlalo wale veki, kwiveki ezayo aza kudabana kwakhona la mazwe mabini e’Optus Stadium ngomhla weshumi elinesixhenxe kule nyanga. Amabhokobhoko afuna into enye jwi: impumelelo.

URassie Erasmus uchonge iqela elineziqwayi zonke zoMzantsi Afrika ngoba uya emidlalweni ebaluleke kakhulu. “Kumnandi ukuba seAustralia phambi komdlalo omkhulu. Sihambe kakuhle futhi nabadlali bakwazile ukuzolula kakuhle endleleni,” utshilo uStick olumkise ngelithi kunzima ukudlala neAustralia.

“Kufuneka ufumane ithuba lokuzilungiselela ufumane nethuba lokuqhela isimo sezulu xa uza kudibana neAustralia ngoba kunzima,” utshilo uStick olixhadi elithembekileyo likaRassie.

Amabhokobhoko aya emidlalweni yeRugby Championship ukuzithemba kuphezulu emva kokuba eyiphumelele kakuhle imidlalo egqithileyo ngaphandle komnye abethwe kuwo yi’Ireland kwinyanga ephelileyo eThekwini.

“Isizini yethu siyiqale kakuhle ngokuphumelela imidlalo emine. Besifuna ukuwuphumelela umdlalo esibethwe kuwo yi’Ireland – kodwa akukho ngxaki ngoba sinaso isiseko esiza kwakha phezu kwaso emidlalweni esijongene nayo,” utshilo uStick oyinzalelwane yaseGqeberha.