AmaBhokobhoko ancwase ukubetha iAustralia emdlalweni ojongwe ngamehlw’abomvu

Yiminyaka engaphaya kwesihlanu AmaBhokobhoko engakwazi ukuyibetha iAustralia kowayo emidlalweni yovavanyo. Njengokuba uMzantsi Afrika ulungiselela ukudibana ne-Australia emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship wokuqala ngeCawe, eCBUS Stadium, kukho imbali enjalo ekufuneka uyiguqule. Ukuzithemba kufunqukile ebadlalini boMzantsi Afrika emva kokubethwa iBritish & Irish Lions ne-Argentina ngokulandelelana. Ngoku iintshatsheli zehlabathi ziza kufumana ithuba lokuzicacisa ukuba isezizo iinkunzi zombhoxo ehlabathini xa ziqubisana namazwe aphambili embhoxweni wehlabathi afana ne-Australia neNew Zealand.

Nangona kukho ixhala lokungabikho kukaCheslin Kolbe ngenxa yokonzakala – kodwa uDeon Davids weSpringbok uthe iqela lakhe liza kuya emdlalweni lineqhinga lokubetha iAustralia kwaye okwenzeke eminyakeni egqithileyo ngeke kube nefuthe emdlalweni wangeCawe. Emva kokuba iAustralia ivuthululwe yiNew Zealand kwiveki ephelileyo, uDavids uthe balindele umdlalo onzima kwaye abazimiselanga ukuyidelela kuba ibibethiwe iAustralia. “Imbali ithi asiqhubi kakuhle eAustralia – kodwa siliqela, sifuna ukuthatha apho siyeke khona kwiRugby Championship. Siza kudibana neqela elidlala kakuhle – kodwa asizukuzikhathaza ngemidlalo yayo egqithileyo ngoba iAustralia idlale kakhulu neNew Zealand,” utshilo uDavids ebutsheni bale veki.

“Ndiyamazi uDave Rennie (umqeqeshi weWallabies) uthanda umdlalo obalekayo. Ibhola yabo ihlala esandleni babe abadlali befaka uxinizelelo kwelinye icala. Thina sizimisele ukwenza umsebenzi wethu kakuhle ebaleni. Sifuna ibhola ihlale kuthi sibe sizama ukuya phambili. Abadlali abebonzakele baphilile – kodwa uCheslin useza kuhlolwa kwakhona,” utshilo uDavids. AmaBhokobhoko aza kudlala ebaleni elinabalandeli okokuqala ukusukela ngo-2019, unyaka awaphumelela ngawo itumente yehlabathi. “Abadlali bayakuvuyela ukudlala phambi kwabalandeli emva kwexesha elide. Sinethemba lokuba iza kubakhuthaza abadlali lo nto,” utshilo uDavids. URassie Erasmus, obengusiputsu wamanzi emidlalweni, akayanga e-Australia kube esajongene nokumangalelwa yiWorld Rugby emva kokugxeka usompempe kwinyanga ephelileyo.