Amabhoko-bhoko kunyanzelekile azilungise iimpazamo azenze kumdlalo odlulileyo xa edibana ne-Australia kumdlalo wovavanyo wangoMgqibelo.
Kumdlalo wempelaveki edlulileyo, Amabhoko-bhoko, abuye ejingxela emva kokubethwa yi-Argentina kumdlalo weChampionship.
UBeast Mtawarira uthi ukuze baphumelele eBrisbane kunyanzelekile bazicuthe iimpazamo abazenze e-Argentina.
Eli qela lika-Allister Coetzee alikwazanga ukuzikhusela kwaye indlela abadlali basemva imnyanzele umqeqeshi avume ukuba impumelelo ibingawafanelanga Amabhoko-bhoko kwiveki ephelileyo.
Zininzi kakhulu izigxeko eziphaxekwe abadlali abathile kwiiBoks emva kweveki edlulileyo – kodwa bebonke abadlali kufuneka bazilungise, baye edabini ngoba iiWallabies zinobungozi kowazo. Nangona kungekaziwa ukuba ngubani ozakukhekela iqela loMzantsi Afrika – kodwa uCoetzee kulindeleke ukuba amgcine * -Adriaan Strauss njengokapteni okwangoku nangona ebeka phantsi ekupheleni kwesizini.
Lo mdlalo luvavanyo kwiiBoks emva kokugxekwa indlela ezaphumelela ngayo eMbombela Stadium ngethuba zibetha i-Argentina.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo