Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo linexhala phambi komdlalo eliza kudibana kuwo neArgentina ngempelaveki. Oku kuvakaliswe nguDeon Davids noKwagga Smith xeshikweni bethetha namajelo eendaba ekuqaleni kwale veki. Amabhokobhoko aza kungqubana okweenkunzi zegusha nePumas emdlalweni weRugby Championship ekulindeleke ukuba utake iintlantsi kwibala ekuthiwa yiEstadio Unico Madre Ciudades, eSantiago del Estero.
Amabhokobhoko asecicini lokuphakamisa indebe yeRugby Championship awayigqibela ngo2019 phambi kokutshatshela kwitumente yehlabathi eJapan. Amakhwenkwe kaRassie Erasmus aya emdlalweni olandelayo efuna impumelelo emva kokubetha iAustralia neNew Zealand emidlalweni ilandelelana kutshanje.
UDeon, olisekela mqeqeshi, uvumile ukuba Amabhokobhoko alindele umdlalo onzima xa edibana nePumas phambi kwabalandeli bayo. “Akululanga ukudlalela apha, ngakumbi emva kokuba iArgentina ibethe amaqela amakhulu kutshanje. Ikhuthazekile futhi iqeqeshwa ngumntu okrelekrele,” utshilo uDeon kwiintatheli.
UDeon uthi iArgentina iza kuthembela kwiifolosi zayo ezinamandla. “Silindele ukudibana neqela ekungekho lula ukugqobhoza kulo. Kwangaxeshanye, iArgentina inabadlali abaqhuba kakuhle kakhulu emva, uninzi lwabo abasuka kwiqela lesizwe labadlali abancinane.
Emidlalweni edlulileyo, sibabonile beziqaqambisa ngezakhono zabo namendu abanawo,” utshilo uDeon Davids. Waleke umsundulo uSmith ngelithi iingqondo zabo kufuneka bazibeke ngokupheleleyo emdlalweni abajongene nawo. Lithuba elihle lokuphakamisa indebe yeRugby Championship – kodwa kufuneka sibeke iingqondo zethu emdlalweni esiya kuwo.
“Umdlalo uza kuba nzima ngoba nayo iArgentina incwase ukuphumelela. Emidlalweni esiyidlale neNew Zealand, zininzi izinto esizifundileyo. Kufuneka sizame ukugcina bhetele ibhola ezandleni zethu. Kufuneka siqiniseke ngamandla ngoba siza kudibana nabadlali be’Argentina abadlala kakuhle kakhulu,” utshilo uSmith ongumakadenetha embhoxweni wehlabathi.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’