AmaBhokobhoko angancamiyo antywilisele amaNgesi adlula ngomzuzu wokugqibela

UMzantsi Afrika ubethe iNgilane emdlalweni wetumente yehlabathi obuseStade de France. Umfanekiso: Dave Winter/Shutterstock/BackPagepix

Amaciko athi: umzingisi akanashwa. Ngentetho evakalayo kuthiwa lowo ungancamiyo kuloo nto ayifunayo, uyaphumelela okanye uyayizuza lo nto ayifunayo. Lo nto ibonakele namhlanje emva kokuba AmaBhokobhoko entywilisele amaNgesi ngo’16-15 emdlalweni weNdebe yeHlabathi ophambi kowokugqibela obuseStade de France, eParis, namhlanje ebusuku. Ayingomdlalo wombhoxo ekunoqhayiswa ngawo nguMzantsi Afrika obucishilelwe ixesha elide – kodwa into oza kuqhayisa ngayo kukuba ukwazile ukuphumelela ekugqibeleni elona dabi elinzima ngaphezulu kweleveki ephelileyo.

Ngenxa yokungadlali kakuhle kweqela, abaqeqeshi bakhuphe uManie Libbok bafaka iflayihafu, uHandre Pollard. Nakubeni kube njalo, kuyiwe kwixesha lokuphumla iNgilane ihamba phambili. Bekufanele kube njalo ngoba amaNgesi adlale umdlalo ophucukileyo kakhulu kunoMzantsi Afrika obubhutyuza iibhola kunzima nokunikelana ibhola – into engaqhelekanga konke konke. Bekunyanzelekile kwisigaba sesibini Amabhokobhoko aguqule indlela enza ngayo ebaleni.

Khange kubekho mahluko ixesha elide, endaweni yoko iNgilane yongeze amanqaku ayokutsho kwishumi elinesihlanu. Abaqeqeshi bafake uKwagga Smith, Ox Nche owenze umahluko omkhulu noDeon Fourie. Nakubeni uMzantsi Afrika ubudlala umbhoxo ongacacanga – kodwa ithemba lifunquke emva kokuba uSnyman elele emgceni kwalandela uPollard ngadume ngazo kwicala lokukhabela ezipalini.

AmaNgesi aneentliziyo ezibuhlungu ngaphandle kwamathandabuzo ngoba abethwe liqela elingadlala umbhoxo kwade kwayimizuzu elishumi yokugqibela. Ekugqibeleni, abadlali abangene kwisigaba sesibini benze umahluko omkhulu. AmaNgesi abethwe kabini nguMzantsi Afrika ngosuku olunye ngoba abethwe nakwiqakamba. Kanti ngokubethwa kwawo, aphose ithuba lokuziphindisela emva kokubethwa eJapan ngo2019. AmaBhokobhoko aza kudibana neNew Zealand emdlalweno wokugqibela wetumente yehlabathi emva kokuba izibethele iArgentina emdlalweni obuyizolo ebusuku.