Amabhokobhoko angombe iPumas phambi kwabalandeli bayo eSalta!

epa07767143 South African Springboks players celebrate their victory over the Pumas of Argentina after the Rugby Championship 2019 match between Argentina and South Africa at the Ernesto Martearena stadium, in Salta, Argentina, 10 August 2019. EPA/Jan Touzeau

UMzantsi Afrika
ziintshatsheli ezivunyiweyo zeRugby Championship. Amakhwenkwe kaRassie Erasmus abonakalise
ukulungela kwawo iNdebe yeHlabathi ngokungomba iPumas (Argentina) ngo’46-13
phambi kwabalandeli bayo emdlalweni obuseSalta izolo. Amabhokobhoko aye
emdlalweni ukuzithemba kufunqukile emva kokudlala kakuhle ngethuba equbisene neWallabies
neNew Zealand emidlalweni ebiphambi
kowayizolo. Omnye wabadlali beBoks abathe baqaqamba emdlalweni wayizolo
nguHandre Pollard ofake amanqaku angamashumi amathathu ananye eyedwa. Elona
qela elithe latsazisa igazi kuqala izolo yi-Argentina ngethuba ilala emgceni
izihlandlo ezibini. Abuye ngamandla kodwa Amabhokobhoko emva koko aphumelela indebe
awagqibela ukuyizuza ngethuba kusekho uPeter de Villiers ngo-2009.Image

Ukuphumelela
kweqela lesizwe loMzantsi Afrika akothusanga ngoba kungunozala womsebenzi omhle
owenziwa ngabaqeqeshi neqela lonke, ingakumbi njengokuba kusondela ixesha leNdebe
yeHlabathi. Izigantsontso zabadlali ezifana noTendai Mtawarira, uBongi Mbonambi
noTravor Nyakane ziyibambe yema ngxi iArgentina nakubeni zohlwayiwe ngusompempe
obephethe umdlalo. UMakazole Mapimpi ulele emgceni naye phambi kokukhala
kwempempe okokugqibela emdlalweni emva kokudlalelwa ibhola kamnandi nguCheslin
Kolbe noFrans Steyn. Kulindeleke uRassie Erasmus adunjelwe yintloko njengokuba
uninzi labadlali ludlale kakuhle phambi kokuchonga iqela labadlali aza kuya nabo
kwiNdebe yeHahlabathi yombhoxo eza kube iseJapan. —IOL Sport