AmaBhokobhoko aqulunqa igumgedle lokuwisa iArgentina eyinkathazo

Abadlali beSpringbok bezilolonga ebaleni.

AmaBhokobhoko ophisayo aqulunqa igumgedle lokuwisa iArgentina kwiveki ezayo ngoMgqibelo emva kokubethwa kwawo yiNew Zealand ngo’35-20 emdlalweni wesibini weCastle Lager Rugby Championship kwiveki ephelileyo. Kubekho ukuphoxeka okuye kwawuthi wambu kakubi uMzantsi Afrika ngenxa yokoyiswa kwaMabhokobhoko abevuthulule iAustralia kwiveki engaphaya kwephelileyo. Nakubeni kunjalo, uJacques namakhwenkwe wakhe, kunyanzelekile baphakame bazivuthulule ngoba itumente yehlabathi isondele – eyona nto enkulu ekulungiselelwa yona ngaphezulu kweRugby Championship. Emva kwekhefu leentsuku ezimbalwa, abadlali beqela lesizwe babuyele enkampini – apho balungiselela khona ukudibana ne’Argentina eyinkathazo nayo endaweni yayo. Okuza nePumas kwamkelekile kwiSpringbok esidinga uvavanyo njengokuba silungiselela ukukhusela indebe yehlabathi eFrance ekukekeleni kwalo lonyaka.

Lisekhona ithuba loMzantsi Afrika lokuyithathela kuyo indebe yeRugby Championship – kodwa uza kunyuka intaba ngoba iNew Zealand iphala phambili ngamanqaku amane emva kokuphumelela imidlalo yayo emibini. Nokuba uMzantsi Afrika ungaphumelela kakuhle kwiveki ezayo – kodwa kufuneka kubethwe iNew Zealand kwelinye icala ukuze ukwazi ukuphakamisa indebe, ukuba ukwazile ukudlula kwiPumas ezingombele iAustralia nayo kwiveki ephelileyo. Kodwa uNienaber namakhwenkwe wakhe kufuneka balungise iziphene emdlalweni ozayo ukuze bakwazi ukuya phambili. Yinto ekunyanzelekileyo yenzeke leyo, ngapha koko kuza konakala amalungiselelo wetumente yehlabathi kaNienaber ozama ukubetha iintaka ezimbini ngelitye elinye. ‘Iintsuku ezimbini ezidlulileyo bezibaluleke kakhulu kuthi ngoba zisinike ithuba lokukhangela unobangela wokugqwidiza kwethu ngethuba sidlala neNew Zealand,’ utshilo umqeqeshi ethetha neentatheli kule veki

‘Kufuneka sibangule iziphene emdlalweni wethu wokugqibela nakwezayo [imidlalo] esilungiselela ngayo ukuya eFrance.’ AmaBhokobhoko aye onganyelwa yiNew Zealand kwisiqingatha somdlalo ogqithileyo. Lo nto yenze umsebenzi wawo wanzima kakhulu nakubeni edlale umdlalo obhetele kwisigaba sesibini. ‘Isiphoxile indlela esidlale ngayo kwiveki ephelileyo. Wonke umntu uyazi ukuba asikwazi ukwenza iimpazamo ezifanayo sisiya kwitumente yehlabathi. Sizame konke esinokulungisa ngako iimpazamo zeveki ephelileyo. Ukusukela ngoMvulo, iingqondo zethu siza kuzibeka kwiArgentina,’ utshilo umqeqeshi. Umdlalo weveki ezayo uza kudlalelwa e’Ellis Park Stadium ngentsimbi yesihlanu emalanga ngoMgqibelo. Kungenzeka uKolisi, osaphantsi kweliso loogqirha, adlaliswe okokuqala emva kwethuba elide engawudlali umbhoxo ngenxa yokonzakala. Emva komdlalo eGoli, abaqeqeshi kufuneka bachonge iqela labadlali abaza kuya kwitumente yehlabathi eseFrance.