AmaBhokobhoko asenethemba lokuphumelela kutyelelo oluseYurophu

UJulien Marchand weFrance noKurt-Lee Arendse woMzantsi Afrika emdlalweni obuseVelodrome Stadium, eMarseille. Umfanekiso: EPA/SEBASTIEN NOGIER

Nangona iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo lizikhotha amanxeba emva kokubethwa emidlalweni emibini egqithileyo – kodwa isekhona intlantsi yethemba lokuphumelela. AmaBhokobhoko akutyelelo lokuphela konyaka eYurophu – apho sele ebethwe yi-Ireland neFrance ekucingeleka ukuba iza kuba phakathi kwamaqela ekunokwenzeka aphumelele indebe yehlabathu, ngakumbi xa idlalela ekhaya. Kwiveki ephelileyo, iSpringbok sikhe phantsi isitya sigcwele ngethuba iFrance ifumana amanqaku ayinike impumelelo emizuzwini yokugqibela emva kokubambana emdlalweni ixesha elide. Ngentsimbi yesithathu emalanga, AmaBhokobhoko aza kulwela impumelelo yawo yokuqala kutyelelo lwaseYurophu xa exikixana ne-Italy emdlalweni wovavanyo eLuigi Ferarris Stadium.

UDeon Davids noSamaan Moerat baxelele iintatheli ekuqaleni kweveki ukuba balindele i-Italy eza kuza kwiSpringbok isebenzisa amandla. Akufanelanga ibe yingxaki lo nto kwiSpringbok ngoba sinabo abadlali abanamandla kakhulu. “Liqela elidlala kakuhle kakhulu i-Italy phantsi komqeqeshi wayo. Siyibonile ibetha amaqela aziwayo afana neWales ne-Australia kwiveki epheleleyo. Yasibetha nathi ngonyaka ka-2016. Lo nto iyasinyanzela ukuba siqule siligangathe. Silindele umdlalo ekuza kusetyenziswa amandla kakhulu kuwo. Inabo abadlali abaza kumelana nathi i-Italy,” utshilo uDavids, olisekele lomqeqeshi weSpringbok.

Abadlali be-Italy bakhuthazekile emva kokubetha amaqela anamandla embhoxweni wehlabathi afana neWales ne-Australia – kodwa uDeon uthe baza kuqhubela phambili beliqela nenkqubo yamalungiselelo wetumente yehlabathi. “Kwindlela esidlale ngayo emidlalweni egqithileyo, zikhona izinto esizifumeneyo kwaye siqhubela phambili namalungiselelo wethu wetumente yehlabathi. Sibathembile kakhulu abadlali bethu noxa siyihlonipha i-Italy. Kufuneka sisebenze ngokukhulu ukuzimisela ukuze sifumane iziphumo ezincumisayo kwezi veki zimbini zishiyekileyo. Sidlale kakuhle neFrance kwaye ndiyayincoma indlela abadlale ngayo abadlali emva kokukhutshwa kukaMoerat. Siza kuzama sinethemba lokufumana iziphumo ezincumisayo,” utshilo uDeon.