Amabhokobhoko ziingangalala ebhoxweni wehlabathi iminyaka ilandelelana. Oku kwenzeke emva kokugqugqisa eYurophu abuyela ekhaya eyiphumelele yonke imidlalo ayidlalileyo. UMzantsi Afrika uvale unyaka kamnandi ngokubetha iWales ngo’42-12 emdlalweni obusePrincipality Stadium ekwisixeko saseCardiff ngempelaveki egqithileyo. Kanti phambi koko, uMzantsi Afrika uqinise ubunganga bawo ngokubetha iNgilane ngo’29-20 neScotland ngo’32-15 emdlalweni wokuqala.
Umqeqeshi weSpringbok, uRassie Erasmus, ubaqhwabele izandla abadlali bakhe emva kokusongwa ngendlela encumisayo utyelelo obeluseYurophu. Okuhle okwenze emva kwemidlalo yeSpringbok kukuba sibuyele phezulu kwindawo yokuqala. Emidlalweni yovavanyo yalo nyaka, Amabhokobhoko aphumelele ishumi elinanye lonke lemidlalo aze aphulukana nemibini kuphela. Amaqela abe nethamsanqa lokoyisa uMzantsi Afrika aquka iArgentina eyaphumelela kowayo ne-Ireland eyaphumelela eThekwini.
“Abadlali esibahlomeleyo bakwazile ukudlala ngokubambiseneyo nabadlali ekudala bekhona eqeleni. Njengokuba siye safikelwa ngumqeqeshi omtsha wabadlali basemva, khange siphazamiseke konke konke,” utshilo uErasmus emva komdlalo wokugqibela obuseCardiff. USiya Kolisi ulikhokele kakuhle iqela lesizwe lombhoxo njengesiqhelo nakubeni ebengundabamlonyeni kwelinye icala ngenxa yokwahlukana nomfazi wakhe okudale ingxoxo kwabohlula phakathi abantu kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook.
“Bonke abadlali bebe ziinkokeli ebaleni futhi bebambisene kakuhle. Ekuqaleni bendingazi ukuba abadlali abadala baza kuyenza kakuhle kanje le nto. Khange babe nangxaki xa kunikwa ithuba abadlali abasakhulayo iiveki zilandelelana. Savana ukuba umntu akalamkeli utshintsho, lowo akafanelanga ukuba kweli qela. Iziphumo esizifumeneyo zithethe lukhulu kuthi. Okuhle kuthi kukuba sisoloko sinento entsha esiyenzayo. Umqeqeshi wethu uzama ukwakha iqela eliluqilima. Sikhuthazwa kakhulu kukwazi izinto esingazenza,” utshilo uKolisi echulumancile.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika