AmaBhokobhoko aya kutyelelo lwaseAustralia engxwelerhekile

UHandre Pollard woMzantsi Afrika emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship obuseMbombela Stadium. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo, uJacques Nienaber, ubhengeze umxebe weqela labadlali abasakhulayo nabadala phambi kwemidlalo yeCastle Lager Rugby Championship kwelase-Australia. AmaBhokobhoko aza kudibana ne-Australia emidlalweni emibini yovavanyo ekuthambekeni kwale nyanga yeThupha nasekuqaleni kwenyanga yoMsintsi. Kulindeleke ukuba amakhwenkwe kaNienaber akhuphele umsindo wawo kwi-Australia emva kokubethwa yiNew Zealand ngo’35-23 emdlalweni obuse-Ellis Park Stadium ebigcwele ichichima ngongcwalazi ngoMgqibelo odlulileyo. AmaBhokobhoko ebenethemba lokuyicambalalisa futhi iNew Zealand emva kokuyivuthulula ngo’26-10 emdlalweni obuseMbombela Stadium ngomhla wesithandathu kule nyanga.

Wenze iinguqu uNienaber kwiqela eliza kudibana ne-Australia ngoba ujonga abadlali abanokuthi bancede iqela lakhe xa likhusela indebe yehlabathi kunyaka ozayo elayiphumelela eJapan ngo-2019. UMzantsi Afrika uza kudina ne-Australia ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe e-Adelaide, kulandele omnye oseSydney ngomhla wesithathu kwinyanga ezayo. “Sisoloko sinenani elikhulu ezinkampini zethu ngoba sifuna ukunika abadlali abaninzi ithuba lokudlala ngoba sicinga ukuba iza kusinceda lo nto kwitumente yehlabathi eseFrance kunyaka ozayo,” utshilo uNienaber ekuqaleni kwale veki. “Njengokuba sinotyelelo olusinge e-Australia, sizimisele ukuthatha inani elilingana neqela eliya kwitumente yehlabathi. Sifuma ukuba namaqela amabini; elinye liza kudlala ne-Australia lize elinye lidibane ne-Argentina.

“Yile ndlela kuphela esingakwazi ukusebenzisa ngayo abadlali esinabo ngoku.Njengokuba sizama ukubaphuhlisa abadlali, kufuneka sibanike amathuba okuzivavanya emidlalweni ngoba kusondela itumente yehlabathi,” utshilo umqeqeshi. UCanan Moodie nguye yedwa umdlali omtsha obiziweyo ongazange asidlalele iSpringbok endaweni kaKurt-Lee Arendse osanqunyanyisiweyo. Ukonzakala kukaBongi Mbonambi kuthetha ukuthi lisekhona ithemba lokudlaliswa kukaJoseph Dweba noxa engabonakalanga emdlalweni weveki ephelileyo. “Kusiphoxile ukubethwa kwethu yi-Australia emdlalweni ogqithileyo. Kufuneka silwe ngamandla emidlalweni emine ezayo ngoba sifuna ukuphumelela indebe. Siyayazi indlela edlala ngayo iAustralia ekhayeni layo,” utshilo uNienaber.