AmaBhokobhoko ayayazi apho ibotshwa khona iArgentina

Umvimbo oluphawu lokubethwa kutshanje kwaMabhokobhoko usavakala. Oku kulandela ukubethwa kwawo yiNew Zealand ngo’35-20 emdlalweni obunzima eMount Smart Stadium kwiveki engephaya kwephelileyo. Ukuba uMzantsi Afrika ubungavumanga ukubethwa yiNew Zealand, ngowunalo ithuba lokuphumelela iCastle Lager Rugby Championship. Nakubeni kunjalo, isekhona intlantsi yethemba lokuyiphakamisa – kodwa aliqinanga ngoba kufuneka kubethwe iNew Zealand eyiphumelele yomibini eyayo imidlalo. Ithemba lokuzuza indebe likhona okanye lingekho, AmaBhokobhoko kufuneka asebenze ebeke iliso lawo kwitumente yehlabathi. Yonke into ayenzayo ngoku icaphazela amalungiselelo waseFrance.

Ngentsimbi yesihlanu emalanga ngoMgqibelo, uMzantsi Afrika uza kuswantsulisana ne’Argentina emdlalweni weRugby Championship ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli e’Ellis Park Stadium. Omabini la mazwe afuna impumelelo emdlalweni wangempelaveki. Uxinizelelo lukwiSpringbok emva kokubethwa emdlalweni ogqithileyo.

Ngethamsanqa kubaqeqeshi beeBoks, iArgentina ayisiyoncwadi evalekileyo kubo. Baya kuyo bezazi izinto ezilindelekileyo kuyo. UDeon Davids, olisekela lomqeqeshi, uthe iqela lakhe lilindele umdlalo onzima xa lidibana ne’Argentina. “Siza kudibana neqela elizingcayo ngendlela elidlala ngayo.

“Ebaleni, iArgentina ilwa kakhulu futhi ayinikezeli kude kuphele umdlalo,” utshilo uDavids ethetha neentatheli ekuqaleni kweveki. “Ngokufanayo neSpringbok, abadlali beArgentina baqaqambisa ngokusebenzisa amandla emidlalweni.

“Siza kudibana neqela elidlala kude kuphele ixesha. Abadlali bayo banamandla kakhulu kwiskram. Lo nto ithi kufuneka siye emdlalweni sizilungiselele kakuhle. Siza kubopha abadlali esifuna bayibethe iArgentina ngoba ngale midlalo, sakha iqela esiza kuyanalo kwiNdebe yeHlabathi,” utshilo uDavids, oncedisa uJacques Nienaber oza kusishiya iSpringbok emva kwetumente yehlabathi eFrance.