Amabhokobhoko ayilumekele iNgilane efuna ukubuyisa isidima sayo!

USiya Kolisi emdlalweni obuphakathi koMzantsi Afrika neScotland kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Springboks/Facebook

Athe ngcu enkcochoyini kumnqwanqwa ombhoxo Amabhokobhoko emva kokuba ebethe iScotland ngo’32-15 emdlalweni obuseMurrayfield ngorhatya leCawe egqithileyo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amabhokobhoko ephokele emva kokuncedwa nguMakazole Mapimpi olele emgceni izihlandlo ezibini. Umdlalo ubunzima ngoba iScotland idlalele ukuzophula phambi kwabalandeli bayo.

Kuye kwanyanzeleka ukuba uRassie Eramus aqwebe amaqhinga amatsha ukuze iqela lakhe libhungce emdlalweni obunzima. UMzantsi Afrika uye wayizuze impumelelo emva kokungena kukaKolisi, uDu Point, uNche, uMarx noKoch abafike baguqula umdlalo olawulwe yiScotland ixesha elide. Okubalulekileyo kukuba uMzantsi Afrika uphumelele.

Lo nto iwubuyisele phezulu kwindawo yokuqala embhoxweni wehlabathi. Ngoku iqela likaRassie liza kujongana neNgilane emdlalweni wesibini eTwickenham. Uza kutaka iintlantsi umdlalo ngoba iNgilane inomsindo emva kokubethwa yiAustralia ngo’42-37 emdlalweni ogqithileyo. Umqeqeshi weSpringbok uvumile ukuba iza kuba yingozi kakhulu iNgilane esazikhotha amanxeba emva kokubethwa kwayo.

“Ukudlalela eTwickenham kuza kwahluka kakhulu ngoba siza kudibana neNgilane efuna ukubuyisa isidima sayo,” utshilo uRassie emva komdlalo obungempelaveki egqithileyo. AmaNgesi abethwe kabini nguMzantsi Afrika kwiitumente zehlabathi zilandelelana. Kanti abathwe yiAustralia nayiNew Zealand kutshanje.

Ngeke avume ukuba ziingqongqo zamazwe ehlabathi. “Umdlalo uza kuba nzima ngoba iNgilane ibethwe yiAustralia nayiNew Zealand,” utshilo umqeqeshi weSpringbok ovumileyo ukuba iqela lakhe lijongene nomdlalo wesibini onzima kutyelelo oluseYurophu.

Emva kokwenziwa kweempazamo ezininzi emdlalweni wokuqala, kulindeleke ukuba kufakwe abanye abadlali. Ethetha emva komdlalo, uEben Etzebeth uthe bafuna impumelelo. “Siwunyusile umgangatho eqeleni lethu. Sizimisele ukudlala kakuhle nakozayo umdlalo,” utshilo uEtzebeth.