Amabhokobhoko ayilungele iNdebe yeHlabathi

UKapteni weSpringboks uSiya Kolisi nogxa wakhe uScarra Ntubeni, kulindeleke babe negalelo elibonakalayo emidlalweni yehlabathi Umfanekiso: Christiaan Kotze/BackpagePix

ULwesihlanu lusuku ekuvulwa ngalo ngokusesikweni iNdebe yeHlabathi yoMbhoxo eJapan kodwa umdla wabantu abaninzi uza kube usemdlalweni ophakathi koMzantsi Afrika neNew Zealand kwibala ekuthiwa yiYokohama International Stadium ngentsimbi yeshumi elinanye emini ngoMgqibelo.

Umdlalo uza kutak’iintlantsi njengesiqhelo xa kudibene Amabhokobhoko neNew Zealand kodwa eyona nto eyenza umtsalane emdlalweni wala mazwe mabini kukuba aye kwiNdebe yeHlabathi ekwisimo esihle kakhulu emva kokuphumelela imidlalo phambi kokuya eJapan.

Amabhokobhoko akulungele ukuqubisana noompetha behlabathi embhoxweni wehlabathi. Utshilo omnye wabaqeqeshi beqela lesizwe, uAled Walters, emva kokuba bechithe iiveki ezimbini zonke abadlali bephekwa besophulwa eJapan apho baqhelaniswe nemo yezulu yakhona.

Ngentseni yangoLwesithathu kule veki, uRassie Erasmus, ubhengeze amagama wabadlali abaza kuqala umdlalo ngoMgqibelo.

URassie akanzanga nanye inguqu kwiqela elibethe iJapan emdlalweni obukwiiveki ezidlulileyo.

Lo nto ibonisa ukulithemba iqela nokulunga kwalo phambi komdlalo wokuqala weNdebe yeHlabathi eJapan.

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika liza kube likhokelwa nguSiya Kolisi ophile qete nangani ebekhe waphazanyiswa kukonzakala kwiinyanga ezidlulileyo.

“Siyifumene indlela yokudlala kule sizini. Sinabadlali abaninzi abakulungeleyo ukungena ebaleni nanini na.

Siqhubela phambili nokuphuhlisa abadlali bethu kodwa ndingatsho ndithi sizilungiselele kakuhle.

Siyahloniphana neNew Zealand kodwa okwethu ngoku kukugxila kwiqhinga lethu esinethemba lokuba liya kusinceda siphumelele,” utshilo uRassie.

Kuwasebenzele Amabhokobhoko ukufika kwangoko eJapan ngoba amkelwe ngezandla ezishushu ngabantu.

“Kuhle ukubona abantu baseJapan benxibe izikipa zethu. Lo nto ibonisa intlonipho kwaye ndicinga ukuba iyasifundisa,” utshilo uErasmus.

Umqeqeshi weAll Blacks, uSteve Hansen, uxelele oonondaba okokuba Amabhokobhoko aza kunika iqela lakhe ithuba lokudlala umdlalo walo elaziwa ngawo.

“UMzantsi udlala ibhola eqengqelekayo ngoba abadlali bawo bakwisimo esihle kakhulu.

Ngokuqinisekileyo, ilizwe eliphumeleleyo lakufumana ithuba lokuya phambili kwiNdebe yeHlabathi ngoba umdlalo wala mazwe mabini usoloko unzima,” utshilo uHansen.

Amabhokobhoko:

Willie le Roux, Cheslin Kolbe, Lukhanyo Am, Damian de Allende, Makazole Mapimpi, Handre Pollard (Vodacom Bulls), Faf de Klerk, Duane Vermeulen, Pieter-Steph du Toit, Siya Kolisi, Franco Mostert, Eben Etzebeth, Frans Malherbe, Malcolm Marx, Steven Kitshoff. Amalalela: Bongi Mbonambi, Tendai Mtawarira, Trevor Nyakane, RG Snyman, Francois Louw, Herschel Jantjies, Frans Steyn, Jesse Kriel.