Amabhokobhoko ayiphindile iNgilane kumdlalo wovavanyo

Tendai Mtawarira (C) of South Africa celebrates his 100th cap with teammates during the international rugby test match between South Africa and England at the Free State Stadium in Bloemfontein, South Africa, 16 June 2018. EPA/Muzi Ntombela/BackpagePix

Amabhokobhoko
asekhondweni elihle kakhulu emva kokuzuza impumelelo ebalulekileyo namhlnej.
Iqela lesizwe lombhoxo loMzantsi Afrika lingombe iNgilane ngo’23-12 kumdlalo
wesibini wovavanyo obubanjelwe eBloemfontein Stadium ebigcwele ime ngembambo.
Ibe lusuku olubalulekileyo kakhulu kuRassie Erasmus ozuze impumelelo yakhe
yesibini kwimidlalo emithathu njengomqeqeshi weqela lesizwe. Kanti kunjalo
nakuSiya Kolosi ofumene impumelelo yakhe yesibini njengoKapteni weBoks
kwimidlalo yovavanyo neNgilane. Kodwa oyena mntu owenze imbali nguBeast Mtawarira
– obefinca ikhulu lemidlalo yovavanyo njengomdlali weqela lesizwe loMzantsi
Afrika.

Image may contain: 3 people, people playing sports and outdoor

Kutshintshwe
amacala Amabhokobhoko enkqenkqeza phambi – kodwa abuye ngasemva ngokufanayo
nendlela aphumelele ngayo kumdlalo obuse-Ellis Park Stadium kwiveki ephelileyo.
Izinto aziyihambeli kakuhle kwaphela iNgilane ngoba ngumdlalo wesithandathu lo
wanamhlanje ephulukene nawo ilandelelana kwaye lo nto inokumxhalabisa ngakumbi
umqeqeshi wayo u-Addie Jones. Abadlali ancede AmaBhokobhoko nguDuane Vermeulen
noHandre Pollard ofake amapenela. Ukuphumelela kweqela likaRassie kuthetha
ukuthi liyiphumelele imidlalo yovavanyo emibini ekufanele liyidlala neNgilane.