AmaBhokobhoko akutyelelo eYurophu – apho aza kuzama ukuqinisa ubunganga bawo embhoxweni wehlabathi. Emva kwemini ngeCawe egqithileyo, iqela lesizwe loMzantsi Afrika ligalelekile kwindawo ekuthiwa yiEdinburgh, eScotland. Yimidlalo ebalulekileyo emithathu eza kudlalwa nguMzantsi Afrika. Emdlalweni wokuqala, uMzantsi Afrika udibana neScotland emalanga ngeCawe.
Kanti kwimpelaveki yeveki ezayo, uza kudibana neNgilane emva koko udibane neWales. Omathathu amazwe aza kuya emidlalweni efuna ukuwubetha uMzantsi Afrika ngoba lelona qela eliphambili embhoxweni wehlabathi. AmaBhokobhoko angadibana nenyoka iphunga umhluzi ngempelaveki ukuba akazilungiselelanga kakuhle. Kunyaka ophelileyo eFrance kwitumente yehlabathi, AmaBhokobhoko ayingomba kakubi iScotland.
Ekhaya iza kufuna ukubuyisa izitya, ngakumbi ngoku izithembileyo emva kokungoba iFiji ngo’57-17 emdlalweni obungempelaveki egqithileyo. Ukuzithemba kuphezulu kwiqela likaRassie Erasmus emva kokuba libethe iAustralia neNew Zealand emidlalweni yeCastle Lager Rugby Championship yalo nyaka.
URassie uchonge iqela elinabadlali abanamava nabasakhulayo azimisele ukubahlomela phambi kokususa abadala ekulindeleke ukuba bangabikho kwitumente yehlabathi elandelayo. Ethetha emva kokugaleleka eScotland, uWilco Louw uxelele amajelo eendaba ukuba AmaBhokobhoko akulungele ukuqubisana nawona maqela alushica embhoxweni.
“Kuya vakala ukuba sifikile ngoku. Sizilolonge kakuhle kusuku lwethu lokuqala. Bonke abadlali bafumene ithuba lokuqhelana kwakhona njengokuba besuka kumaqela wabo. Kuyasivuyisa ekuza kwenzeka ngempelaveki,” utshilo uLouw. Yomithathu imidlalo yale nyanga, akukho namnye uMzantsi Afrika ofuna ukuphulukana nawo ngoba udibana neziqwayi zombhoxo eYurophu.
“Sikulungele ukudibana neScotland. Amalungiselelo wethu ahamba kakuhle. Silungiselela umdlalo onzima kakhulu emva kokudlala nayo kwitumente yehlabathi – kodwa iza kufika kuthi siyilungele. Kuza kuba mnandi ukuba sebaleni nabadlali abadala nabanamava njengaba bethu ngeCawe,” utshilo uLouw ophakathi kwabanye babadlali ekulindeleke ukuba basetyenziswe nguRassie Erasmus.
Ayakhala amafama aseMelika ngesigqibo sikaTrump