AmaBhokobhoko aza kulwela ukubuya nendebe, utsho uMzandile Stick!

UMzwandile Stick, olisekelamqeqeshi kwiSpringbok naye uDuane Vermeulen phambi komdlalo weCastle Lager Rugby Championship kwinyanga yeKhala. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

UMzwandile Stick, olisekelamqeqeshi, uthi AmaBhokobhoko akwisimo esibhetele ngaphezulu kunangokuya ayesiya kwitumente edlulileyo eJapan. OkaStick uvakalise uluvo lwakhe emva kokuba uMzantsi Afrika uyibethe wayiqwabaza namalungu iNew Zealand emdlalweni wokucweya obuseTwickenham Stadium, eNgilane, ngoLwesihlanu ogqithileyo. Phambi kokuhlaza iAll Blacks kutshanje, AmaBhokobhoko abethe uWales ne’Argentina ngokulandelelana. Oku kwenzeke emva kokuba uMzantsi Afrika ubukhe wabethwa yiNew Zealand emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship yalo nyaka. Noxa kukho ikhaba elihle labadlali abasazama ukuzinza kwiqela lesizwe lombhoxo – kodwa uJacques Nienaber usenabo abadlali abaninzi abaphumelela iNdebe yeHlabathi ngo2019 ngaphandle kwembinana yabadlali abonzakeleyo abafana noLukhanyo Am nabanye abangaphoswa yitumente yehlabathi ukuba uMzantsi Afrika awuhambanga umgama omde eFrance.

“Singcono kakhulu ngoku kunango2019,” utshilo uStick ethetha neentatheli kule veki. Le ndedeba yaseGqeberha yayikhona eJapan – ngethuba uLukhanyo Am wayesenza ezibukwayo noMakazole Mapimpi owalala emgceni watsho waphakamisa iNdebe yeHlabathi okokuqala uSiya Kolisi njengoKapteni omnyama weqela lesizwe lombhoxo loMzantsi Afrika. “Amalungiselelo wethu athatha ishumi elinesibhozo leenyanga ngo2019 – kodwa sabuya nayo iNdebe yeHlabathi ngenxa yokukholelwa kwinto esiyenzayo. Ukuba ubani angajonga indlela esilungiselele ngayo itumente yehlabathi esiya kuyo, intle kakhulu. Kodwa kuyo yonke lo nto, esikwenzileyo akuzuthetha nto ukuba asidlali kakuhle emidlalweni yethu eFrance,” utshilo uStick. AmaBhokobhoko abila esoma enkampini eseYurophu phambi kokuya eFrance – apho kuza kuqala khona itumente kungekudala kule nyanga yoMsintsi.

“Senza into efanayo nesayenza eKagoshima ngo2019. Ukuba senkampini kwethu emva kokudlala neNew Zealand yinto efanelekileyo ngoba asikwazi ukubuyela eMzantsi Afrika ngoku. Singabaqeqeshi sizama ukulungisa iindawo ezithile eziyinxalenye yamalungiselelo wethu. Konke kuhamba kakuhle enkampini phambi kwetumente yehlabathi,” utshilo uStick, owongeze ngelithi amakhwenkwe akulungele ukuqubisana neScotland emdlalweni wokuqala wetumente yehlabathi oza kube useMarseille kwiCawe ezayo. “Bonke abantu balindele ukuqala kwetumente ngovuyo. Sikhulile futhi kuye kwanda ukubambisana emva kokuba sabethwa yiNew Zealand, e’Auckland. Safunda izinto ezininzi kula mdlalo kwaye ngoku ndicinga ukuba sisekhondweni elihle. Itumente iza kuba nzima – kodwa sizimisele ukwenza konke okusemandleni wethu ukuze siphakamise ilizwe lethu,” uvale ngaloo mazwi uStick.