Amabhokobhoko azikhoth’ amanxeba agxeleshe ukuvuka ngePortugal

Ashiyeke ezikhotha amanxeba Amabhokobhoko emva kokuba eguqiswe phantsi ngo’25-24 yi-Ireland emdlalweni wovavanyo obubanjelwe eKing Spark Stadium, eThekwini, ngoMgqibelo odlulileyo. UCiaran Frawley ukhabe ibhola ekude wayiqabelisa ngomzuzu wokugqibela.

Awe phantsi kanjalo Amabhokobhoko abenethemba lokubetha i-Ireland kabini izihlandlo zilandelelana. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iindwendwe zihamba phambili ngo’16-6. Ukungaqali kakuhle umdlalo ibe yeyona nto ephoxe uMzantsi Afrika kowona mdlalo obalulekileyo.

Nangona bekunjalo – kodwa Amabhokobhoko adlale umdlalo ophucukileyo kwisigaba sesibini futhi aqokelela namanqaku aliqela. UFrawley uthe gqi nebhola eyenze idemesha engasoze ilityalwe embalini yombhoxo uMzantsi Afrika ukhokela phambili ngamanqaku futhi usecicini lokuphumelela okwesibini ekhaya.

Emva komdlalo, uRassie Eramus uzamkele iziphumo zomdlalo futhi wavuma ukuba i-Ireland idlale bhetele kuneqela lakhe ebaleni ebe ligcwele limi ngeembambo. “Asikwazi ukuhlala apha sikhangele isebe lokusithela, iqela elidlale kakuhle liphumelele,” utshilo uRassie.

Emidlalweni emibini yovavanyo ebiphakathi koMzantsi Afrika ne-Irland, akubangakho elibanga ubunganga ngoba ilizwe ngalinye liphumelele umdlalo omnye. “Iziphumo zomdlalo zisiphoxile futhi siqinisekile ukuba kunjalo nakubalandeli. Kusoloko kunje ke xa sidlala ne-Irland.

“Umdlalo uyabambana okanye sishiyane kancinci ngamanqaku. Kodwa eyona ngxaki yethu ibe kukungadlali kakuhle isiqingatha sokuqala. Sikwazile ukulwa sawaqokelela namanqaku – kodwa emizuzwini yokugqibela yomdlalo, i-Ireland idlale ngcono kunathi,” utshilo uRassie.

Naye uSiya Kolisi uvumile ukuba isiqalo seSpringbok besisibi kakhulu. “Besifuna ukunika abaxhasi bethu impumelelo. Sikhathazekile emva kokubethwa kwethu – kodwa ayisosiphelo sethu esi. Siza kuzivuthulula siphindele edabini kwakhona.

“Mandibancome abadlali be-Ireland abalwileyo bade baphumelela umdlalo wesibini. Sibavumele bawulawula umdlalo kwisigaba sokuqala. Kodwa ke siza kuzikhangela sijonge apho sifanele kukulungisa khona,” utshilo uKolisi ngempelaveki egqithileyo. Ngoku Amabhokobhoko alungiselela ukudibana nePortugal kule veki eBloemfontein.