UMzantsi Afrika ubhale iincwadi zembali zombhoxo ngokutsha emva kokubetha iNew Zealand izihlandlo ezinye zilandelelanga. Oku kwenzeke emva kokuba Amabhokobhoko ebethe iNew Zealand ngo’18-12 emdlalweni obunzima eDHL Stadium, eKapa, ngorhatya ngoMgqibelo ogqithileyo. Kanti ekupheleni kwenyanga yeThupha, Amabhokobhoko ayibethe ngo’31-27 iNew Zealand komnye umdlalo obunzima eGoli. Amabhokobhoko aphakamise iFreedom Cup awayigqibela ukuyithatha ngonyaka ka2009 kwatsho kwaqinga ubunganga bawo embhoxweni.
Ukubetha iqela elinamandla embhoxweni njengeNew Zealand yinto enkulu kakhulu kuMzantsi Afrika oziintshatsheli zehlabathi, ngakumbi emva kokubetha iAustralia – elinye ilizwe elinamandla emdlalwenu wombhoxo. Amagqala amabini, uSiya Kolisi noMalcolm Marx, ancede uMzantsi Afrika waphuma engxakini ubanjwe ngobhongwana yiNew Zealand ebizimisele ukuziphindezela emva kokubethwa kwayo eGoli. Nasemdlalweni ogqithileyo, iNew Zealand isidlale ngcono isigaba sokuqala somdlalo – kodwa yoyiswa kukumelana neSpringbok esibuye kwisigaba sesibini sinamandla.
UKolisi ukuchaze ukubetha iNew Zealand emdlalweni obuseKapa njengeyona nto enkulu emva kwetumente yehlabathi ebikunyaka ogqithileyo. Phambi komdlalo, uKapteni uxelele iintatheli ukuba iFreedom Cup uyazi kuba eyibona emifanekisweni. Kodwa eyona nto eyenze wachulumanca uKolisi kukuba udlale kunzima emva kokonzakala kakubi ebusweni emdlalweni ogqithileyo ebuseGoli. “Asiwuqalanga ngendlela encomekayo umdlalo kwisigaba sokuqala. Umqeqeshi khange asifihlele ngexesha lokuphumla. Yiyo lo nto amalalela engene alungisa izinto,” utshilo uKolisi.
Njengokuba kuyiwe kwixesha lokuphumla iNew Zealand ihamba phambili ngo’9-3, kuye kwanyanzeleka ukuba abadlali ekudala bedlalela iqela lesizwe bazicacise. “Yimpumelelo enkulu kakhulu kuthi le. Sithethile ngayo phambi komdlalo futhi ndingatsho ukuba ukuphumelela kwethu yeyona nto enkulu emva kwetumente yehlabathi. Ndivuyela abadlali abasakhulayo abafana noSacha noCanan obekade onzakele. Kwisigaba sesibini besijongene nezinto ezimbini: ukunikezela okanye silwele impumelelo. Asinikezeli thina. Sibulela kakhulu abantu baseMzantsi Afrika abasixhasileyo,” utshilo uKolisi emva komdlalo ngempelaveki.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’