AmaBhokobhoko kufuneka anyuse iikawusi eYokohama

Abadlali beSpringboks ngethuba bevuyela ukubetha iJapan kwibala laseTokyo kwiveki ephelileyo umfanekiso: Andrew Cornaga / www.Photosport.nz

Ukubetha iJapan yenye yezinto ezincomekayo ezenziwe nguMzantsi Afrika emva kwento embi eyayenza kwiminyaka edlulileyo kodwa eyona nto esemqoka ngoku kukuphumelela iNdebe yeHlabathi.

Ingenzeka lo nto kodwa AmaBhokobhoko kusafuneka esebenzile ngokuba kusashiyeke oompondozihlanjiwe bodwa kwitumente yehlabathi ebanjelwe eJapan.

UMzantsi Afrika, iWales, iNgilane neNew Zealand ngamazwe amane aphambili embhoxweni wehlabathi aza kulwela ukuya kumagqibekankqoyi emidlalweni engempelaveki.

Iintshatsheli zehlabathi, iNew Zealand, ziza kududlana neNgilane emdlalweni wokuqala – kanti wona uMzantsi Afrika uza kuswantsulisana neWales emdlalweni oza kuba nomtsalane kakhulu kubalandeli bombhoxo eYokohama ngeCawe. Iibhokwe zikaRassie Erasmus zenze umsebenzi omhle ngethuba zibetha iJapan ngo’26-3 emdlalweni obunzima eTokyo kwiveki ephelileyo.

Noxa AmaBhokobhoko ekwazile ukubetha iJapan edlale kakuhle kakhulu kwiNdebe yeHlabathi yalo nyaka, kodwa abantu abaninzi bathi umgangatho womdlalo ogqithileyo ayinguwo anokuphumelela ngawo indebe.

Abantu abaninzi bebebambe amazinyo kwiveki ephelileyo ngokuba abadlali bakaRassie bebengaswabulukanga ngenxa yokoyika abadlali beJapan. Uyivumile lo nto naye uRassie. Ukuqhana kwabadlali bakhe uthe yinto ekufuneka bayiphephe xa bedlala neWales ngokuba liqela eliyingozi kakhulu.

UMzantsi Afrika wagqibela ukudlala umdlalo wamagqibelakankqoyi ngo2007 – unyaka owaphumelela ngawo iNdebe yeHlabathi kwilizwe laseFrance.

Nakubeni umgangatho womdlalo ubungekho kwinqanaba eliphezulu kodwa kona ukubetha iJapan kuyinkuthazo enkulu kuMabhokobhoko azama ukubuyisela ubunganga bawo embhoxweni wehlabathi.

Abadlali abancede uMzantsi Afrika kwiveki ephelileyo abafana noMakazole Mapimpi noFaf de Klerk kufuneka basebenze kwakhona ngokuba seyivele ngeempondo ngoku.

Kuye kwanyanzeleka uMzantsi Afrika ugade abadlali beJapan ababalekayo emdlalweni ogqithileyo. Emdlalweni olandelayo uRassie uthi iingqondo zabadlali bakhe kufuneka zizinze kude kuphele ixesha lomdlalo.

“Akukho ndawo esinokuthi iyasixhalabisa emdlalweni wethu kodwa eyona nto efunekayo emdlalweni olandelayo kukuqinisekisa ukuba iingqondo zabadlali zihlala emdlalweni kude kuphele umdlalo. Yeyona nto leyo ekufuneka siyiqinise emdlalweni wethu ukuba sifuna ukuphumelela iNdebe yeHlabathi,” utshilo uErasmus.

pedro.mapelo@inl.co.za