AmaBhokobhoko afuna impumelelo ngempelaveki xa edibana neentshaba zawo ezinkulu, iAustralia, emdlalweni weRugby Championship ekulindeleke utake iintlantsi eAdelaide Oval emdlalweni ongoMgqibelo ekuseni. UMzantsi Afrika untingele eAustralia uqhwalela emva kokutywatyushwa yiNew Zealand ephumelele ngo’35-23 emdlalweni obuse-Ellis Park Stadium kwiveki ephelileyo. Kanti nayo iAustralia ibokoboko kwelayo icala emva kokuba ibethwe emidlalweni eliqela. Inye into eza kwenza umdlalo ube nomtsalane: obamini amaqela afuna ukuphumelela.
Kunyanzelekile iSpringbok sizame ngoba sagoduka umsila uphakathi kwemilenze kunyaka ophelileyo emva kokuswazwa yiAustralia emidlalweni emibini yonke. Umqeqeshi weSpringbok namakhwenkwe wakhe bazi kakuhle ukuba abalandeli balindele iziphumo ezincumisayo. UJacques Nienaber ubhengeze amagama wabadlali abaza kuqala umdlalo angohlukanga kakhulu kwabo bebedlale neNew Zealand kwiveki ephelileyo. Ukuthethelela uNienaber ukugcina kwakhe iqela labadlali elidlale kwiveki ephelileyo. “Sinezizathu ezibangele sichonge abadlali ngendlela esenze ngayo. Abadlali abaqala umdlalo nabangaphandle sibajonga ngendlela efanayo. Akukho mdlali obaluleke ngaphezulu kunomnye,” utshilo uNienaber ekuqaleni kweveki.
Isekelamqeqeshi leSpringbok, uDeon Davids, uthe baza kuya emdlalweni okwenzeka emidlalweni yonyaka ophelileyo kusezingqondweni zabo. “Siza kuzinika ithuba sijonge imidlalo yethu edlulileyo, siqhoshe iindawo ezifuna ukulungiswa emdlalweni wethu. Kunzima ukudlala eAustralia ngoba siza kudibana neqela elisemgangathweni ophezulu. Xa udlalela kude nekhaya lakho kwiRugby Championship, kufuneka ulindele umdlalo onzima. Kusoloko kunzima ukudlalela apha kumaqela afana noMzantsi Afrika ne-Argentina. Siyayihlonipha iAustralia esiza kujongana nayo. Kufuneka senze ngcono kunonyaka ophelileyo ngoba safunda isifundo,” utshilo uDavids.
UMzantsi Afrika uzuze inqaku kwiCongo Brazzaville ebibhokile kowayo!