Amabhokobhoko ophisayo ancwase ukuziphindezela eNelspruit

Abuyele ekhaya ezikhotha amanxeba Amabhokobhoko emva kokuba ebethwe yiArgentina ngo’29-28 emdlalweni weCattle Lager Rugby Championship obubanjelwe eSantigo del Estero ebusuku ngoMgqibelo. Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo liye eArgentina linethemba lokuphakamisa enye indebe ebalulekileyo. Akubanga njalo ngoba iArgentina ibhoke isicuku kowayo. Ukubethwa kwawo Amabhokobhoko kuya wanyanzela ukuba ayibethe iArgentina emdlalweni wesibini ozakube useMbombela Stadium emalanga ngoMgqibelo.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iArgentina inkqenkqeza phambili. UMzantsi Afrika uyiphucule indlela odlale ngayo futhi wafumana amanqaku aliqela – kodwa iye yaxhathisa iPumas kowayo yade yaphumelela. Emva komdlalo, uRassie Erasmus uyivumile induku yePumas – kodwa akafuna ukubeka ityala ebadlalini abathile. Waleke umsundulo uSalmaan Moerat, obekhokele iqela endaweni kaSiya Kolisi, ngelithi Amabhokobhoko akadlalanga ngendlela ebilindelekile kuwo.

“Kufanele ukuba sizisole thina ngokwenzeke emdlalweni wanamhlanje nangona sinalo ithuba lokuvala iRugby Championship ngendlela encumisayo,” utshilo uKapteni emva komdlalo. Ezinye zezinto ezithe zadala ingxaki kukuba uMzantsi Afrika ukhe wadlala ungaphelelanga emva kokuba uKurt-Lee Arendse ethe wanikwa ikhadi elityheli. Kanti yena uManie Libbok woyiswe kukuqabelisa ibhola sekuphela ixesha – kodwa nakubeni kunjalo, uRassie akafunanga ukumgxeka emva komdlalo.

“Idlale kakuhle kakhulu iArgentina. Masiyincome ngoba thina senze iimpazamo ezininzi emdlalweni. Ndicinga ukuba uye watshintsha umdlalo emva kokuba umdlali wethu efumene ikhadi elityheli. Kulindeleke umdlalo ube nzima kakhulu eMbombela Stadium kwimpelaveki ezayo,” utshilo uRassie, owongeze ngelithi ingxaki ayiphelelanga ekukhatyweni kweepenela. Uvumile ukuba zininzi izinto iqela lakhe elingazenzanga kakuhle emdlalweni. Kulindeleke ukuba babuye abadlali abanamava beSpringboks.