AmaBhokobhoko
ngoompondozihlanjiwe behlabathi embhoxweni kwakhona emva kokuba ecambalalise
AmaNgesi emdlalweni wokugqibela weNdebe yeHalabathi namhlanje eYokohama
kwilizwe laseJapan. UMakazole Mapimpi noCheslin Kolbe balele emgceni ukuze
uMzantsi Afrika ukwazi ukubetha iNgilane ngo’32-12 emdlalweni obunzima kakhulu
ekuqaleni kwawo. Phambi komsebenzi omhle owenziwe nguKolbe noMapimpi – indoda encede
uMzantsi Afrika ngenqina nguHandre Pollard oyiphosileyo ipenela yokuqala ngenxa
yoloyiko. Kuyiwe kwixesha lokuphumla AmaBhokobhoko ephala phambili. Nangona
umsantsa ubungemkhulwanga – kodwa amakhwenkwe kangqondongqondo, uRassie Erasmus,
ebegunye ngamandla futhi engawavumeli AmaNgesi adibanise iibhola eziyingozi. UMzantsi
Afrika uzicacise kakuhle emva kwentsukumo eyenziwe nguMakazole noLukhanyo Am emzuzwini
wamashumi asixhenxe anesihlanu.
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!