Elinye iqela elizibekele indawo kwiTop 16 yeFifa World Cup ngaphandle kobunzima ibe yiNetherlands ezibethele iQatar ngamagowuli amabini emdlalweni obuse-All Bayt Stadium emalanga namhlanje. AmaDatshi abethe amaqela amabini adlala ntanganye komnye umdlalo kaGroup A. Elokuqala ukusilwa emtshinini yaba yiSenegal eyabethwa ngo’2-0. Igolozile iEcuador waphela umdlalo ebambene ngegowuli elinye macala kwiveki ephelileyo. Namhlanje AmaDatshi avale umjikelo wokuqala wetumente yehlabathi ngokubetha oosotheko, iQatar. Onke amaqela azixhwithele kwiQatar.
Njengesiqhelo, uCody Gakpo ubhakuzelise umnatha emzuzwini wamashumi amabini anesithandathu kwisigaba sokuqala somdlalo. Kuyiwe ekhefini iQatar isakhangela igowuli lokulinganisa. Izamile ukudlala ibhola ebukekayo, into nje eyiphoxileyo kuyo yonke imidlalo ibe kukunqaba kwamagowuli. Kwisigaba sesibini, uFrenkie De Jong ubethelele isikhonkwane sebhokisi yeQatar. Akukho nto ingako enokubaliswa ngeQatar engaphumelela yonke imidlalo yayo kwitumente yehlabathi ebisengethwe yiyo. Kuyo kufakwe amagowuli asixhenxe kwelinye elifakileyo emidlalweni emithathu. Nangona abantu beyibona iQatar njengelizwe elingenamandla ebholeni ekhatywayo – kodwa bezikhona iintlantsi ezithembisayo.
Ukuba umqeqeshi anganikwa ithuba lokwakha iqela, kwitumente ezayo iQatar ingenza ngcono kunalo unyaka ngoba enyaniswe inabo abadlali abanayo italente noxa umgangatho wabo ungekaxhomi ngokufanayo namaqela amanye amazwe akhe asingatha iitumente zehlabathi ngaphandle koMzantsi Afrika ngo-2010 owaphuma kwa kumjikelo wokuqala. Ihambe njalo iQatar ne-Ecuador ezikhulule iijezi namhlanje. AmaDantshi neSenegal zidlulele phambili emva kokuphumelela imidlalo yanahlanje.Amanye amazwe azibekele iindawo kwiTop 16 aquka iBrazil neFrance.
IPirates idibana neentanga zayo namhlanje kwiMTN8, utsho uSage Stephens!