AmaDatshi ophule iintliziyo zeSenegal ephise ngomdlalo kwisigaba sesibini

UBamba Dieng weSenegal noMatthijs de Le weNetherlands emdlalweni weFIFA World Cup obuse-Al Thumama Stadium. Umfanekiso: EPA/Abedin Taherkenareh

Ayiqale kakuhle itumente yehlabathi yebhola ekhatywayo AmaDatshi ngokuphumelela umdlalo wawo wokuqala kaGroup A. Oku kwenzeka emva kokuba ophule iintliziyo zabalandeli beSenegal eguqiswe phantsi ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) emdlalweni weNdebe yeHlabathi obuse-Al Thumama Stadium, eDoha, ngorhatya lwanamhlanje. Into ebuhlungu neyakuxikixa iingqondo zabadlali beSenegal kukuba babethwe emdlalweni abawudlale kakuhle kakhulu. Amagowuli avele emva kokuphazamiseka kweengqondo zabo umdlalo usiya ekupheleni. Noxa iqela lika-Aliou Cisse lidlale kakuhle emdlalweni – kodwa bekucaca ukuba ithemba lakhe alikho, uSadio Mane – ophosiweyo yitumente yehlabathi yalo nyaka ngenxa yokonzakala.

Noxa umdlalo ubumhle futhi ubambene kwisigaba sokuqala – kodwa akukho mathuba acacileyo amaqela awadalileyo kwisigaba sokuqala. Ithuba lokuqala lamakhwenkwe kaLouis van Gaal lize emzuzwini weshumi elinethoba ngethuba ibhola kaFrenkie de Jong ibanjwa ngunozinti weSenegal ngaphandle kokusokola. USarr (Ismaila) uzamile ukukhabela ibhola entle ezipalini – kodwa uVirgil van Dijk uye wayichitha ngentloko ibhola yakhe. Siphelile isigaba sokuqala kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Kwisigaba sesibini, iSenegal idlale umdlalo ophucukileyo kakhulu.

Ibhola ibiyibeka phantsi, inikelana kakuhle ukuya phambili – ukugqobhoza emva kwiNetherlands engakwazanga ukuyenza. AmaDatshi alifumene igowuli elifakwe nguCody Gakpo emva kwexesha elide esokola. Iintshatsheli ze-Afrika zizame ukuphindisa ngonyawo lukaPape Gueye – kodwa unozinti weDatshi uye wayichitha ibhola yakhe. Emizuzwini yokugqibela emdlalweni uDavy Klaassen fake igowuli elibe sisikhonkwane sebhokisi yeSenegal emva kokuba uEdouard Mendy engakwazanga ukufika ngamangqindi ebholeni. Ngoku iSenegal kufuneka ibethe iQatar ebethwe ngamagowuli amabini eqandeni yiEcuador emdlalweni wokuvula iNdebe yeHlabathi izolo. Yona iNetherlands iza kuqubisana ne-Ecuador emdlalweni olandelayo.