Amadoda afikayo ayithwele iDowns ezibethele iSuperSport United kwidabi lobukhaya

UMarcelo Allende ufake igowuli lesibini emdlalweni weMTN8 obuphakathi kweMamelodi Sundowns neSupersport United, eTuks Stadium. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Yenze umtsi oya phambili nayo iMamelodi Sundowns kwiMTN8 Cup emva kokuba ibethe iSuperSport United emdlalweni obumhle eTuks Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Emva kokusongwa kwesigaba sokuqala semidlalo yeMTN8, amaqela ashiyekileyo yiSundowns eziintshatsheli zonyaka ophelileyo, AmaZulu, iOrlando Pirates neKaizer Chiefs. Akukho nto ingako enokubaliswa ngesigaba sokuqala ngoba siphele kungekho qela elikwazileyo ukufaka igowuli. Amasandawana aphantse abhaqa into emzuzwini wamashumi amabini ananye ngethuba uKhuliso Mudau ekhaba ibhola ehambe ecaleni kweepali. Kule sizini, Amatsatsantsa asebenzisa abadlali abasebatsha emva kokuba abadlali bawo abafana noTebogo Mokoena noRonwen Williams bethathwe yiSundowns.

Axhathisile nakubeni bekunzima emdlalweni obulawulwa yiSundowns phantse isiqingatha sonke sokuqala. Nangona kunjalo, iSuperSport iyeke ithuba elihle, uRayners unikele uBradley Gobbler oshiywe yibhola ebintle. Amasandawana abuye ekhefini afaka uxinizelelo kubadlali beSuperSport futhi kucaca ukuba izingela igowuli. UPeter Shalulile, uThemba Zwane noNeo Maema ngabona badlali abebeyisokolisa iSuperSport ebuye inamandla kwisigaba sesibini. UMokwena noManqoba bakhuphe uMaema kwisigaba sesibini. Indawo yakhe ithathwe nguMarcelo Allende ofike wabhakuzelisa umnatha yatsho yakhokela iSundowns emdlalweni olidabi lasePitoli.

Ufumene ibhola ebikhatywe yifolosi ekhathazayo, uPeter Shalulile obefakwe enkonkxeni ngabadlali beSuperSport United emdlalweni wanamhlanje. Uphumile uMudau, indawo yakhe ithathwe nguAbubaker Nasir ofike wafaka igowuli lesibini leSundowns. UNasir unamagowuli amabini kwiSundowns emidlalweni embalwa ayidlalile. Naye uMarcelo Allende unamagowuli amabini. Iphantse yagqiba umdlalo inabadlali abalishumi, uYandisa Mfolozi ube nethamsanqa ngokubikwa ikhadi elityheli endaweni kwelibomvu emva kokuba uNasir esiya ezipalini. Amaqela amane ashiyekileyo kwiMTN8 aza kuthelekiswa ngomso ebusuku ngentsimbi yesibhozo eGoli. Kwisigaba esilandelayo, amaqela aza kudlala umlenze wokuqala nowesibini phambi kokuya kowokugqibela – apho eliphumeleleyo lifuma imali eyiR8-million.

Mamelodi Sundowns: Williams, Lakay, Mudua, B.Onyango, De Reuck, Mokoena, Jali, Maema, Zwane, Morena, Shalulile.

Amalalela: D.Onyango, Nasir, Lebusa, Ralani, Mkhulise, Mbule, Modiba, Mvala, Allende.

SuperSport United: Chigova, Ditlhlokwe, Hlatshwayo, Fleurs, Lungu, Bhasera, Donn, Mbatha, Maziko, Grobler, Rayners.