Ikamva
leBloemfontein Celtic alikacaci kakuhle – kodwa abasemfuthweni wolwazi bathi
ingaphelanga le veki, kungabe kucaca okwenzekayo kuyo. Kwiiveki ezidlulileyo,
Isiwelele sibe ngundabamlonyeni emva kokuvakala kweendaba ezithi iCeltic
isecicini lokuthengwa nguTim Sukwazi – ongumnikazi weTS Galaxy edlala
kwiGladAfrica Championship. Yazikhaba ezo ngxelo iCeltic – kodwa uSukazi uye
waxelela Umhlobo Wenene Fm okokuba sele enaso isivumelwano neCeltic kwiveki
ephelileyo.
Ukuthengwa kweCeltic ngumntu welinye iphondo akubaphathanga kakuhle
abantu baseFree State, umhlawu seso sizathu esixhokonkxe usomashishini ogama
linguLebo Mokoena. Okucacileyo ngoku kukuba usomashishini
ukhuphisana noSukazi kwaye ulwela ukuhlala kweCeltic kwiphondo lakhe.
“Sikhangela indlela yokuyixhasa iCeltic ngokwasezimalini. Sinethemba lokuba iya
kuphela iveki izinto ziicalanye,” utshilo uMokoena ethetha ne-IOL Sport.
“Sikhangela
amakhulu amabini amawaka abantu abanokuhlangula iCeltic ngokwasezimalini.
Siyaxoxa neCeltic – kodwa asizimiselanga ukuzifaka phantsi koxinizelelo. Siza
kuhlala phantsi nabaphathi beCeltic sijonge into esingayenza,” utshilo
uMokoena. Iingxaki zemali kwiCeltic zinethuba elide zikhona – kodwa
ngethamsanqa layo, zange ziyichaphazele indlela eqhuba ngayo ebaleni.
Ukuthengiswa kwayo iCeltic kuthe gqi emva kweengxelo ezithe ayikwazanga
ukubhatala abasebenzi kuquka nomqeqeshi kwezi nyanga zigqithileyo.
“Kunyanzelekile sijonge iincwadi zeCeltic ukuze sibone ukuba izinto zoonakala
ndawoni. Kundothusile mna ukungena kweli qela kwiingxaki zemali. Sizimisele
ukwenza konke. Xa sigqibile, singathetha phandle. Sinethemba leendaba
ezincumisayo ingaphela le veki. Andifuni ukuthetha kakhulu okwangoku,” utshilo
uMokoena ethetha ne-IOL Sport. Ukuba yenzekile lo nto, iCeltic iza kuhlala
eFree State.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo