Amadoda anombono athathela kuwo uxanduva

La ngamadoda akhuthaza ukuhlonitshwa kwamakhosikazi

Njengokuba eMzantsi Afrika kuxhaphake kakhulu ukuphathwa kakubi nokudlwengulwa kwabantu ababhinqileyo, lo nto iliphethe mbengwana ilizwe.

Le mpatho-mbi igqugqisayo kweli lizwe inyanzele urhulumente ukuba ameme uluntu nemibutho ezimeleyo ukuba kwenziwe iinzame ezinokuthi ziphelise lo mkhuba mbi kangaka.

Amatsha-ntliziyo amane athathe isigqibo sokwenza elawo igalelo elinokuthi linqande le nto kwaye elinokuphucula indlela abantu belizwe lonke abanokuphila ngayo.

Alishumi amadoda azibiza ngokuba yiMen4safety aphuma kwilizwe lonke azimisele ukuhamba ngenyawo kwiidolophi ezinkulu eMzantsi Afrika – apho azakube eshumayela ukuhlonelwa kwabantu abangomama, efundisa amanye amadoda indlela anokwenza ngayo umahluko kwangaxeshanye eqokelela imali yokunceda amaxhoba empatho-mbi.

Igama leli phulo lithi “Savewomen&children”. Eli gqiza lamadoda alishumi likhokelwa nguBadela Siphelo waseDimbaza.

Amanye amadoda aquka uTshepo Makgatho wasePitoli, uBhekumuzi waseThekwini, uBongani Makhobokhobo waseLusikisiki, uSimiao Novela waseMaputo, uSiphiwe Madonsela waseGoli, uVuyisile Segobo waseKatlehong, uKhauhelo Ntelekoa wase-Aliwal North, uLindokuhle Dludla waseNewcastle noSiyabonga Mahlaba waseVaal.

Uhambo lwalamadoda alishumi luzakube lutyhutyha-tyhutyha iidolophu nezitalato ezikhulu eGoli ukuya eKapa xa ephuma apho aya eBhayi aphume apho alibangise eThekwini ayoqhina eGoli – kuzo zonke ezo ndawo azakube eshumayela ukuyekwa kokuphathwa kakubi kwabantu abangoomama ngamadoda.

Umbono weli qela kukubona kuguquka ukungalingani okukhoyo kwesini, abantu abadala babelane ngolwazi ngobom nolutsha, kuhlaliswane ngoxolo nokufundiswa kolutsha ngokuqiqa phambi kokwenza izinto ebomini.

“Okwethu kukutshintsha indlela ulutsha olucinga ngayo. Sifuna ukuthatha iphulo lethu silise nakwizikolo zabantu abamhlophe. Siphawule okokuba amadoda adinga amaqonga apho anokuphalaza iingxaki zawo.

“Singavuya ukuba uluntu lungasondela ukuze sifundisane ukuzimela kwabantu ukuze bangabingawo amaxhoba woxhatshazo,” utshilo uBadela.