Amafana Bes’thende babambene neStellenbosch emdlalweni weDStv Premiership

Namhlanje iGolden Arrows ibambene ngeqanda neStellenbosch emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eMpumalanga Stadium. Umfanekiso: Facebook

Emva kokuthi khebevu ithuba elingaphaya kweveki ngenxa yemidlalo yamazwe ngamazwe (FIFA), imidlalo yeDStv Premiership ibuyile kwakhona ukusukela izolo ebusuku. Namhlanje Abafana Bes’thende badlale okokuqala ukusukela oko kuthe kwahamba omnye obengumqeqeshi, uVusumusi Vilakazi, okwiChippa United ngoku. Iqela laKwaZulu-Natal, iGolden Arrows, liye emdlalweni wanamhlanje likhangela impumelelo yesithathu imidlalo ilandelelana – kodwa ngelishwa, iStellenbosch asivumanga emdlalweni ophele ebambene ngeqanda macala eMpumalanga Stadium emalanga namhlanje. Amaqela omabini aqale ngokufundana kwisigaba sokuqala futhi kubonakala ukuba adlalela ukungalahlekelwa.

Baye baswabuluka Abafana Bes’thende abe bedlala ibhola ephantsi njengesiqhelo. Noxa ibhola ibikubo, into abangakwazanga ukuyenza kukufumana igowuli kwiStellies esidlale kakuhle kakhulu emva. Iifolosi ezifana no-Iqraan Rayner noAndre de Jong zikhe zazama ukushumisa – kodwa yabe ivale mba nayo iGolden Arrows emva. Emva kokuba isiqingatha sokuqala siphele kungekho nto ebhodini, kuye kwanyanzeleka ukuba amaqela anyuse umxakatho kwisigaba sesibini. UMabhuti Khenyeza uye wakhupha uLungelo Nguse, endaweni yakhe wafaka uBryan Moon owakhe wadlala kwiKaizer Chiefs kwiminyaka egqithileyo.

Kubekho umahluko obonakalayo ngoba uSage Stephens ubambe ibhola yokuqala eye kuye ezipalini ikhatywe nguMoon. Adlale umdlalo ongcono amakhwenkwe kaSteven Barker kwisigaba sesibini. Aphoxwe kukonzakala kukaDeano van Rooyen ongabuyelanga ebaleni kwakhona. Iindwendwe zizamile ukulwela ukufumana igowuli ekuyeni kokuphela komdlalo – kodwa umqobo ibinguWatenga ezipalini odlale kakuhle. Uza kulithatha inqaku elinye alifumeneyo uBarker emva kokuba iqela lakhe likhe alaqhuba kakuhlekwiiveki ezigqithileyo nakubeni isiqalo seqela lakhe besisihle. Ukungabethwa kwayo iGolden Arrows kuza kuyicgina iphakathi kwamaqela asahleli phezili kwiDStv Premiership. Emdlalweni wayizolo, iRichards Bay ibethe iMoroka Swallows ngegowuli elinye eDobsonville Stadium.